UMTHETHO OYILWAYO OKHATHALELA IZIGULO ZENGQONDO
Njengoko uhlaziyiwe yiKomiti eNyuliweyo kwiiNkonzo zentlalo iBhunga kikaZwelonke lamaPhondo uMphathiswa wezeMpilo
UMTHETHO OYILWAYO
Ukunikwa kwenkathalo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo yabantu abagula ngengqondo; ukunika inkqubo ezahlukeneyo emazilandelwe ekuvunyweni kwabantu abanjalo; ukumisela iBhodi zokuHlola malunga nokuphi na ukumiswa kwezempilo; eyokumisela amagunya nemisebenzi yawo; ukunikwa kwenkathalo nolawulo lwepropathi yabantu abagula ngengqondo; ukutshitshisa imithetho ethile; kwakunye nokunikela ngemicimbi enxulumene noko.
INTSHAYELELO
SIQONDA okokukuba impilo yimeko yemvelo, yengqondo nentlalo yoluntu, nokuba iinkonzo zempilo yengqondo kufuneka zinikezwe njengenxenye yeenkonzo zeempilo zodidi lokuqala, elesibini kwakunye neliphezulu.
SIQONDA okokuba uMgaqo siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho wenombolo u-108 ka-1996), uthintela ukucalulwa kwabantu abagula ngengqondo okanye obunye nje ubulwelwe.
SIQONDA okokukuba umntu kunye nepropathi yomntu ophazamiseke ngokwasengqondweni okanye ongqondo inobulwelwe, angathi maxa wambi afune ukhuseleko kwaye amalungu kawonke wonke kunye nepropathi yabo, ngokufanayo anokufuna ukukhuselwa kubantu abagula ngengqondo okanye abngqondo inobulwelwe.
SIQONDA kanjalo ukuba kukho imfuneko yokukhuthaza kokunikezwa kweenkonzo zokukhuthalela abagula ngengqondo ngendlela ekhuthaza ukuphila kwengqondo okukwizinga eliphezulu kubasebenzisi beenkonzo zokukhathalelwa kwengqondo kunye namabandla abahlala kuwo;
UNGA UNGAMISELWA UBE NGUMTHETHO yipalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika ngale ndlela ilandelayo: -
ULUHLU LWESIQULATHO
Icandelo
ISAHLUKO 1
INTSHAYELELO
Inkcazelo magama
Ukutolikwa
Iinjongo zomthetho
Ukuphunyezwa kwenkqubo kunye nemimiselo nguRhulumente
Ukuyilwa kokumiselwa kwezempilo okulawula phantsi kokuncedwa nguRhulumente, njengezibhedlela zabagula ngengqondo okanye njengamaziko okunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
Ukulungiselelwa ngeenkonzo zokukhathalela kwempilo yengqondo, iinkonzo zokunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kumaziko ezempilo amiselweyo
AMALUNGELO KUNYE NEMISEBENZI ENXULUMENE NABASEBENZISI BEENKONZO ZOKUKHATHALELWA KWABAGULA NGENGQONDO
Ukusetyenziswa kwesahluko
Imbeko, isidima kunye nemfihlelo
Ukuvuma ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sempilo nokwamkelwa kumaziko ezempilo
Ukucalucalulwa
Ukuxhatshazwa kunye nokuphathwa kakubi
Imimiselo enxulumene nempilo nesimo sokuphila kwengqondo
Ukudizwa kolwazi
Izithintelo ekuthandaneni kwabantu abadala
Ilungelo lokumelwa
Iingxelo zokukhutshwa
Ulwazi lwamalungelo
ISAHLUKO I
IBHODI ZOKUHLOLA IMPILO YENGQONDO
Ukumiselwa
Amagunya nemisebenzi yeBhodi yokuHlola
Ukusekwa kweBhodi yokuHlola
Ukususwa
Izithuba ezivulekileyo
Ukuhlawulwa
Inkqubo zebhodi yokuHlola
ISAHLUKO 
UKUNIKA INKATHALO YEMPILO YENGQONDO NGOKUZITHANDELA, NGONCEDO KUNYE NANGOKUNGAZIMISELANGA
Ukukhathalelwa ngokuzithandela, ukunyangwa kunye neenkonzo zokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
Ukukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo yabanyangwa abangenako ukuzithathela izigqibo
Ukwenza isicelo sokuncedwa ngeenkonzo zenkathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
Ukuhlolwa kokuqala komsebenzisi okhathalelwa ngempilo yengqondo yiBhodi yokuHlola
Ukubhena ngokuchasene nesigqibo esithathwe yintloko yeziko lezempilo sokuvumela isicelo soncedo lokukhathalelwa, lokunyangwa, nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
Ukuhlola ngamathuba athile kunye neengxelo zonyaka kubasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo abancedwayo
Ukufunyanwa kwakhona kwezikhundla zabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo abancedwayo ukwenza izigqibo ezaziwayo
Inkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo abancedwayo ngaphandle kwemvume yabo
Isicelo sokufumana ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga
Ukuvavanywa kangangethuba leeyure ezingama-72 kunye nokunikwa kwenkathalo engenye, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga
Ukubhena ngokuchasene nesigqibo sentloko sokumiselwa kwezempilo kwinkathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga
Ukuhlolwa kwemfuneko yenkundla kwezinye iinkonzo zokhathalelo, zonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga
Ukuhlolwa ngamathuba athile kunye neengxelo zonyaka kubasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo ezingokungazimiselanga
Ukufunyanwa kwakhona kwezikhundla zabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo ngokungazimiselanga ukwenza izigqibo ezaziwayo
Ukutshintshelwa kwabasebenzisi benkathalelo yonyango lwempilo yengqondo kwiindawo ezinokhuseleko olukhulu
Ukungenelela kwamalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika
IZIGULANA ZIKARHULUMENTE
Ukuyilwa kokumiselwa kwamaziko empilo ezigulane zikaRhulumente
Ukwamkelwa kwezigulane zikaRhulumente kumaziko empilo amiselweyo
Ukutshintshelwa kwezigulane zikaRhulumente kwamanye amaziko empilo
Izigulane zikaRhulumente ezibaleka elugcinweni
Imvume yokungabikho kwimimiselo yempilo eyilelwe oko
Ukuhlolwa okuthe ngqolo kwemeko yempilo yengqondo zezigulane zikaRhulumente
Ukwenziwa kwesicelo sokukhululwa kwezigulane zikaRhulumente
Ukukhululwa kwezigulane zikaRhulumente phantsi kwemiqathango ethile, izilungiso kwiimeko okanye ukurhoxiswa kokukhululwa phantsi kwemiqathango
AMABANJWA AGULA NGENGQONDO
Ukuyilwa kokumiselwa kwamaziko empilo amabanjwa agula ngengqondo
Uphando ngesimo sempilo sengqondo yebanjwa
Inkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo samabanjwa anesigulo sengqondo ezintolongweni
Uphando lwakwamantyi olunxulumene nokutshintshelwa kwindawo yemimiselo yempilo eyilelwe oko
Inkqubo yokutshintshela amabanjwa agula ngengqondo kwindawo yemimiselo yempilo eyilelwe oko
Ukutshintshwa kwamabanjwa agula ngengqondo phakathi kwendawo yemimiselo yempilo eyilelwe oko
Ukuhlolwa okuthe gqolo kwemeko yempilo yamabanjwa agula ngengqondo
Ukufunyanwa kwakhona kwemeko yempilo yengqondo yamabanjwa agula ngengqondo
Amabanjwa agula ngengqondo abaleke kumazikoempilo amiselwe oko
Inkqubo ekupheleni kwexesha lokuvalelwa kwamabanjwa agula ngengqondo
INKATHALO KUNYE NOLAWULO LWEPROPATHI YOMNTU OGULA NGENGQONDO OKANYE UMNTU ONENGQONDO ENOBUNZULU OKANYE UBULWELWE BENGQONDO ENOBUKHALI OBUKHULU
Ukunyulwa komlawuli wokulondoloza alawule impahla yomntu ogula ngengqondo okanye umntu onengqondo enobunzulu okanye enobukhali kakhulu
Ukwenza isicelo kuMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo sokonyula umlawuli
Ukuxhaswa kokonyulwa komlawuli yiNkundla ePhakamileyo ngethuba lophando okanye ngexesha lenkqubo yenkundla
Ukungqinwa kolo nyulo lomlawuli
Amagunya nemisebenzi yabalawuli kunye nolungiselelo oluzintlobo ngentlobo ezibhekiselele kulo nyulo lwabalawuli
Ukurhoxiswa komlawuli
Ulawulo lwezinto zabantu abagula ngengqondo okanye abantu abasilela ngengqondo
UMMISELO
Imimiselo
Umongo wommiselo
Inkqubo yokwenza imimiselo
Iimeko kunye nokhululo oluqulethwe yimimiselo
ISAHLUKO X
IZIBONELELO NGOKUBANZI
Amatyala nezohlwayo
Ukumiselwa kweekomiti zengcebiso okanye ezobuchule
Ukuthunywa kunye nokumiselwa kwamagunya nezigqibo
Ukurhoxiswa kwemithetho
Amalungiselelo ethutyana
Isihloko esifutshane kunye nesiqalo
ULUDWE LWENKQUBO
IMITHETHO ERHOXISWA NGULO MTHETHO
ISAHLUKO I
INTSHAYELELO
Inkcazelo yamagama
Kulo Mthetho, ngaphandle kokuba iimeko zibonisa ngenye indlela -
i "umlawuli" uthetha umntu owonyulwe ngokwecandelo le-59 ukuba akhathalele kwaye alawule impahla yommntu ogula ngengqondo kwaye apho kufaneleke khona kuquka nomlawuli wexesha eliphakathi;
ii "uncedo lokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwesimo sesiqhelo" kuthetha ulungiselelo lokuphazamiseka kwempilo kubantu abangakwaziyo ukunika izigqibo ngenxa yeemeko yabo yokugula ngengqondo kwaye bengalwali uphazamiseko lwempilo kwaye iinkonzo zoncedo lokukhathalelwa , ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo zinentsingiselo engqinelana nale;
iii "umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo oncedwayo" uthetha umntu ofumana noncediswa ngoncedo lokukhathalelwa, nokunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
iv "manyana" kuthetha umntu onomdla omkhulu kumsebenzisi okhathalela impilo yengqondo okanye umntu omana eqhagamshelana nomsebenzisi lowo v "amaziko enkathalo kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwesimo sesiqhelo" athetha ukumiselwa kwenkathalo , ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwabantu abanobulwelwe bengqondo;
viii "inkundla" ithetha inkundla yoMthetho;
x "intloko yokumiselwa kwezempilo" ithetha umntu olawula ukumiselwa okuthethwa ngako;
xi Umntu obonelela ngeenkonzo zenkathalelo yempilo" kuthetha umntu onika iinkonzo zenkathalelo yeempilo;
xii "ukumiselwa kwezempilo" kuthetha amaziko, uncedo, izakhiwo okanye iindawo apho abantu bafumana khona uncedo lokukhathalelwa, lokunyangwa, nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, ukuxilongwa okanye iinzame zokuphilisa okanye iinkonzo kwaye kubandakanywa amancedo afana namaziko ezempilo asekuhlaleni namaziko okubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwezimo zesiqhelo, iikliniki, izibhedlela kunye nezibhedlela zabagula ngengqondo xiii "ukukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga" kuthetha ulungiselelo lophazamiseko lwempilo kubantu abangenako ukwenza izigqibo ezifunwayo ngenxa yeemeko yokugula kwabo ngengqondo kwaye besala ulungiselelo lwempilo kodwa bezifuna ezo nkonzo ukulungiselela ukhuseleko lwempilo yabo okanye ukhuseleko lwabanye abantu kwaye "iinkonzo zenkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo" kunentsingiselo engqinelana nale;
xiv "umsebenzisi wenkathalelo yempilo ngokungazikhetheli" kuthetha umntu ofumana inkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga;
xvi "ugqirha" uthetha umntu obhaliswe ngolo hlobo ngokumalunga noMthetho weMisebenzi yeMpilo;
xvii 'ugqirha oqeqeshelwe ukonga abagula ngengqondo" uthetha ugqirha wengqondo okanye ugqirha obhalisiweyo okanye inesi eqeqeshelwe ukujongana nonyango ngohlobo lwemisebenzi , igosa eliqeqeshelwe ukuphonononga isimo sengqondo okanye unontlalo ntle oqeqeshelwe ukubonelela ngeenkonzo ezimiselweyo zenkathalo, ukunyanga kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
xviii "umntu onikela ngeenkonzo zokukhathalela impilo yabagula ngengqondo" kuthetha umntu onika iinkonzo zenkathalo yempilo yabagula ngengqondo kubasebenzisi benkathalelo yempilo yesigulo sengqondo kwaye kuquka noogqirha bezigulo zengqondo;
xix "umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo" kuthetha umntu okhathalelweyo, nonyangwayo, kunye nobuyiselwa kwisimo sesiqhelo okanye osebenzisa iinkonzo ezithile ezijonge ukuphuhlisa isimo sempilo sengqondo yomsebenzisi kwiziko lezempilo, isigulane sikaRhulumente, kunye nebanjwa eligula ngengqondo kwaye nalapho umntu lowo engaphantsi kweminyaka eli-18 ubudala okanye engakwazi ukuzithathela izigqibo kwaye kwezinye iimeko kungabandakanywa -
i umsebenzisi olindelweyo;
iii umntu ogunyaziswe nanguwuphi na omnye umthetho okanye igunya lenkundla ukuba abe ngummeli waloo mntu;
v nomlawuli welifa laloo mntu uswelekileyo kwaye "umsebenzisi" unentsingiselo engqinelana naleyo xx "isimo sengqondo" sithetha izinga lokuphila kwengqondo yomntu njengoko ephazamiseke umzimba, intlalo neemeko zengqondo ezinokuthi zibe neziphumo zokuxilongwa kwesigulo sengqondo;
xxi " ukugula ngengqondo" kuthetha ukufunyaniswa unesigulo sengqondo ngokumalunga nemiqathango evunyiweyo eyenziwe ngugqirha wesigulo sengqondo ogunyaziselwe ukuba enze olo xilongo;
xxii "ibanjwa eligula ngengqondo" lithetha ibanjwa njengoko lichazwe kwicandelo loMthetho weenkonzo zoLuleko lwezimilo ekuthe malunga nalo kwayalelwa ngokwecandelo lama-52 3 a ukuvumela ukubonelelwa ngeenkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwiziko lezempilo elabelwe oko nokwecandelo lama-49
xxiii "uMphathiswa" uthetha uMphathiswa onoxanduva lwezeMpilo;
xxiv "isebe likazwelonke" lithetha iSebe likaZwelonke leeNkonzo zeempilo kwibakala likaRhulumente;
xxv "igosa logcino elimthethweni " lithetha uMlawuli weeNkonzo zoTshutshiso zoLuntu wephondo owongamele inqila yolawulo apho isigulane sikaRhulumente sigcinwe khona;
xxvi "emiselweyo" lithetha emiselwe ngumgaqo;
xxvii "intolongo" ithetha intolongo njengoko ichazwe kwicandelo 1 soMthetho weeNkonzo zoLuleko;
xxviii "ipropathi" ukulungiselela iSahluko VII, kubandakanywa ingeniso, imali, ishishini okanye into oyenzayo;
xxix "iSebe lePhondo" lithetha iSebe elinoxanduva lokubonelela ngeenkonzo zempilo kummandla wephondo likaRhulumente;
xxx "isibhedlela sabantu abagula ngengqondo" lithetha iziko lezempilo elibonelela ngeenkonzo zokukhathalela impilo, ezokunyanga kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwezigulane ezigula ngengqondo, ezo zigula ngengqondo kuphela;
xxxi "ugqirha wezifo zengqondo" kuthetha umntu obhaliswe ngolo hlobo ngokoMthetho weMisebenzi yezeMpilo;
xxxii "igosa lobugcisa kunye nokuphonononga ingqondo" lithetha umntu obhaliswe ngolo hlobo ngokoMthetho weMisebenzi yezeMpilo;
xxxiii "ukubuyiselwa kwesimo sesiqhelo"kuthetha inkqubo enceda ukuba umntu akwazi ukuba kwizinga lokuzenzela izinto engancediswa;
xxxiv "ilungu elifanelekileyo lesiGqeba esiLawulayo" lithetha ilungu lesiGqeba esiLawulayo elinoxanduva lezempilo kwiphondo elo;
xxxv "iBhodi yokuHlola" lithetha iBhodi yokuHlola iMpilo yeNgqondo esekwe ngokumalunga nesiqendu se-18;
xxxvi "ingqondo enobukhali kunye nobunzulu" kuthetha udederhu lweemeko zokusebenza kwengqondo ukusuka ekukwazini ukuzenzela izinto phantsi kolawulo olungqongqo kunye nokukwazi ukuzikhusela kwaye ufuna uncedo njalo nokujongwa xxxvii "uNontlalontle" uthetha umntu obhaliswe njalo ngokoMthetho weeNkonzo zeMisebenzi yezeNtlalontle, ka-1978 uMthetho weNombolo ye-110 ka-1978;
xxxviii " isigulane sikaRhulumente" sithetha umntu ochongwe ngolo hlobo ngumyalelo wenkundla ngokwecandelo le-77 6 a okanye u-78 6 lweNkqubo yoLwaphulo Mthetho;
xl "ukhathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo ngokuzithandela" kuthetha ulungiselelo lophazamiseko lwempilo kumntu onika imvume yolo phazamiseko.
Ukutolika
 Lo Mthetho kufuneka utolikwe ngendlela engaguquguqukiyo, ngeenjongo zalo Mthetho.
Xa ngaba kukho ungquzulwano oluvelayo phakathi kwalo Mthetho kunye nawo nawuphi na omnye umthetho ongomnye ngaphandle koMgaqo siseko, lo Mthetho ngowona uyakuba namandla adlula awomnye lowo.
IZIBONELELO EZISISISEKO
Injongo zoMthetho
a lawula inkathalelo yempilo yengqondo ngendlela ethi-
i yenze ukuba kubekho eyona khathalelo ingcono kwinkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokulinganayo kubemi bebonke, ngendlela enempumelelo kwaye ithabathela ingqalelo ephezulu imfuno zabo basebenzisa inkathalelo yempilo yengqondo phantsi kweemeko zobuqili obukhoyo;
ii elungelelanisa indlela yokufikelala kwinkathalelo yempilo yengqondo, unyango, nenkonzo zokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kumaqela ngamaqela abasebenzisi benkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo; kunye iii nehlanganisa ukubonelelwa ngenkonzo zenkathalelo kwabo bagula ngengqondo kwimeko yenkonzo zempilo jikelele;
b ukulawula indlela yokubonelelwa kunye nokunikeza inkathalelo yempilo yengqondo, unyango, kunye nenkonzo zokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwabo-
i bazikhetheleyo, abancedisiweyo kunye nabo banyanzalisiweyo ukusebenzisa inkonzo yabo bagula ngengqondo;
ii izigulana zikaRhulumente; kunye iii namabanjwa agula ngengqondo c ukucacisa amalungelo kunye nezibophelelo zabasebenzisi benkathalelo yabo bagula ngengqondo kunye nabo banikezela ngenkonzo yenkathalelo kubantu abagula ngengqondo; kunye d nokulawula indlela enokuthi inkundla yomthetho ilawule ngayo impahla yabantu abagula ngengqondo kunye nabo banobulwelwe obungamandla okanye okukhulu ngokwasengqondweni.
Ukumiliselwa kwemigaqo nemimiselo nguRhulumente
Naliphi iziko likaRhulumente elinoxanduva lenkonzo zempilo kufuneka liseke kwaye lihlanganise ukumiliselwa kwemigaqo yalo kunye nemimiselo ngendlela-
a eqinisekisa ukubonelelwa ngenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kumaqondo asezantsi, aphakathi naphezulu kunye namaziko empilo akhankanywe kwicandelo 51;
b ekhuthaza ukubonelela ngeenkonzo zokukhathalela ezikwindawo zasekuhlaleni, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
c ekhuthaza amalungelo nemfuno zabasebenzisi zenkathalelo yabagula ngengqondo; kunye d ekhuthaza ze iphucule imeko yempilo ngokwasengqondweni kuluntu jikelele.
Ukumiselwa kwamaziko empilo anolawulo oluphantsi kwemiqondiso yeSizwe njengezibhedlela zabagula ngengqondo okanye njengamaziko okukhathalela nokubuyisela isimo sesiqhelo
 Intloko yesebe likaRhulumente wesizwe kufuneka, ngokuvumelana nentloko yesebe lephondo elo zingaphelanga iintsuku ezingama-120 zokuqala kwalo Mthetho, imisele amaziko ezempilo okanye icandelo leziko lezempilo ekufuneke lisebenze njenge-
a zibhedlela zabagula ngengqondo, okanye b ngamaziko okukhathalela nokubuyisela isimo sesiqhelo.
Ukumiselwa okubhekiswa kuko kwicandelwana u-1 kunokurhoxiswa nanini na okanye litshintshwe yintloko yesebe likazwelonke ivumelana nentloko yesebe lephondo elinxulemene noko.
Ukubonelelwa ngeenkonzo zenkathalo yempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kumaziko empilo
 amaziko amiselwe impilo kufuneka-
a anike nawuphi na umntu ofuna iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, zokunyangwa, nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngendlela ezifanelekileyo zenkathalo, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo phantsi kwendlela elimiselwe ukwenza umsebenzi walo ngayo; okanye b athumele loo mntu ngokwendlela esekiweyo yokuthumela nokwamkela kwiziko lempilo elisekiweyo elibonelela ngenkathalelo yengqondo, yonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo elikumgangatho onguwo.
Iziko lempilo elisekelwe oko alinako ukunika umsebenzisi weenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo iyeza lokugula ngengqondo ithuba elingaphezulu kweenyanga ezintandathu ngaphandle kokuba ligunyaziswe ngumsebenzi wenkathalelo yempilo yengqondo omiselwe ukuba abonelele ngamyeza aze ahlolisise unyango lwesigulo sengqondo.
Intloko yeSebe likaZwelonke kufuneka ngokuvumelana neentloko zamasebe oorhulumente bamaphondo ngokumalunga namaziko ezepilo amiselwe ngokumalunga necandelo u-51, amisele indlela yeenkonzo zokukhathalelwa, nokunyangwa nokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo emazisetyenziswe kwiziko ngalinye elo limiselweyo.
iziko lempilo elibonelela ngokwamkelwa kwezigulane nonyango elikudidi lwesibini alivumelekanga ukuba lamkele umsebenzisi woncedo lokukhathalelwa kwempilo yengqondo ixesha elingaphezulu kweenyanga ezimbini ngaphandle kokuba ligunyaziswe ngugqirha ophetheyo wabagula ngengqondo okwelo candelo leziko lempilo.
Umgangatho wesithathu weenkonzo zokukhathalelwa kwempilo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo zinokubonelelwa kwiziko lezempilo elikumgangatho wesithathu okanye isibhedlela sabagula ngengqondo esimiselwe ngokwecandelo u-51.
izibhedlela zabagula ngengqondo zinokwamkela, zikhathalele okanye zinyange kwaye zibuyisele isimo sempilo-
a yabasebenzisi bezibhedlele zabagula ngengqondo abazithandeleyo kwiinkqubo ezthile b yabasebenzisi bezibhedlela zengqondo abancediswayo;
c yabasebenzisi bezibhedlela zengqondo abangeniswe ngokungazimiselanga;
d izigulane zikaRhulumente;
e amabanjwa agula ngengqondo;
f abantu abathunyelwa yinkundla ukuze kuqwaselwe imeko yokuphila kwengondo phantsi kweNkqubo koLwaphulo Mthetho, kunye g nabantu abamkelwe ezibhedlela ithuba elide njengeemfuno zokulindolozwa, nokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Amaziko enkathalo kunye nawokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo anoku-
a aqhube iimvavanyo zokuhlolwa kwengqondo; kwaye b abonelelwe ngeenkonzo zenkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kubantu abagula ngengqondo nabanobukhali bengqondo ngokungaphaya kuquka abo bancediswayo kunye babasebenzisi bolondolozo lwempilo ababgokungazimiselanga.
Abantu ababonelela ngeenkonzo yenkathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kufuneka babonelele ngenkonzo ngendlela enceda abasebenzisi beenkonzo zokulindolozwa kwempilo yengqondo yasekuhlaleni.
AMALUNGELO KUNYE NEMISEBENZI ENXULUMENE NABASEBENZISI BEENKONZO ZABAGULA NGENGQONDO
Ukusetyenziswa kwesahluko
 Amalungelo kunye nemisebenzi yabantu, amaqumrhu kunye namaziko axelwe kwesi sahluko ongezelelwa kuwo nawaphi na amalungelo okanye imisebenzi abanokuba nayo ngokumalunga nawuphi na umthetho.
Ekuphuhliseni amalungelo kunye nasekwenzeni imisebenzi exelwe kwesi Sahluko, kufuneka kunanzwe iimfuno zabasebenzisi benkonzo zempilo ngokungcono.
Imbeko, isidima soluntu kunye nemfihlelo
 Umntu, isidima somntu kunye nemfihlelo zakhe nawuphi na umsebenzisi wolondolozo lwempilo kufuneka zihlonitshwe.
Nawuphi na umsebenzisi wolondolozo lwempilo kufuneka anikwe iinkonzo zenkathallelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo eziphucula ukukwazi kwesigulane ukuziphuhlisa ngokwaneleyo kwaye ancede ukuzimanya kubomi bommandla wakhe.
Iinkonzo zenkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyekezwa kwesimo sesiqhelo ezinikwa umsebenzisi esigula ngengqqondo kufuneka zibe ngolwalamano nemeko zempilo zabagula ngengqondo kwaye zinokuphazamisa kuphela kancinane ngolona hlobo ukunika impumezo kwinkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo esichanekileyo.
Ukuvuma ukukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyibuselwa kwesimo sesiqhelo kunye nokwamkelwa kumaziko empilo
 Umboneleli ngokukhathalelwa kwempilo okanye iziko lezempilo linokubonelela ngeenkonzo zokonga, ezokunyanga nezokubuyisela isimo kulowo okanye zamkele isigulane esigula ngengqondo kuphela ukuba-
a umsebenzisi uvumile ukukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okanye kulwamkelo;
b ugunyaziswe ngumyalelo wenkundla okanye yiBhodi yoHlolo, okanye c ngenxa yokugula ngengqondo, nakuphi na ukulibazisa ekuboneleni ngeenkonzo zokonga, ezokunyanga kunye nezokubuyisela isimo sesiqhelo okanye ulwamkelo lunokukhokelela-
i ekufeni okanye ukwenzakala okungenakuguqulwa kwimpilo yomsebenzisi ii ekuzenzakaliseni kwesigulane okanye senzakalise abanye abantu; okanye iv isigulane senze umonakalo omkhulu okanye ukulahleka kwepropathi yakhe okanye eyabanye abantu.
Nawuphi na umntu okanye iziko lempilo elibonelela ngeenkonzo zenkathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okanye elamkela umsebenzi kwimiba ezixelwe kwicandelwana le-1 c -
a kufuneka enze ingxelo ebhalwe phantsi ngalo mba ngendlela emiselweyo kwibhodi yokuHlola; kwaye b akanako ukuqhubeka ebonelela ngeenkonzo zenkathalo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo kumsebenzisi ochaphazelekayo ithuba elingaphezulu kweeyure ezingama-24 ngaphandle kokuba isicelo esimalunga neSahluko V senziwe lingaphelanga ithuba leeyure ezingama-24.
Ukucalucalula okunomkhethe
 umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo esongiwa impilo yengqondo asinakucalucalulwa ngokunomkhethe ngenxa yeemeko yokugula kwaso ngengqondo,
Wonke ogula ngengqondo kufuneka afumane iinkonzo zenkathalelo, zokukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokumalunga nemigangatho efana naleyo isebenzayo nakusiphi na isigulo esongiwa impilo yengqondo.
Imigaqo neenkqubo ezijoliswe ekuphuhliseni imeko yempilo yengqondo yomntu kufuneka isetyenzwe kunikwa ingqalelo isakhono sengqondo yomtu lowo.
 Wonke umntu, iqumrhu, umbutho okanye iziko elibonelela ngenkathalelo, unyango kunye nenkonzo yokubuyiselwa kwisimo esiqhelekileyo kumsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo kufuneka athabathe amanyathelo okuqinisekisisa ukuba-
a abasebenzisi bakhuselekile ekuxhatshazweni nakwimpathombi kunye nayiphina indlela yempatho ethoba isidima;
b abasebenzisi ababekwa phantsi kwemeko benze umsebenzi osisinyanzeliso; kwaye c inkathalelo, unyango kunye nenkonzo zobuyisela kwisimo esiqhelekileyo azisetyenziswa njengesohlwayo okanye ukulungiselela abanye abantu.
Umntu olingqina kulo naluphina uhlobo lwempathombi oluxelwe kwicandelwana u 1 olujoliswe kumsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo kufuneka anike inxelo yoku ngendlela emiselweyo.
Imimiselo ebhekiselele kwisimo sokuphila kwengqondo
 Nayiphina imimiselo ebhekiselele kwisimo sokuphila kwengqondo yakhe nawuphina umntu kufuneka isekelwe kwiimeko ezingqalene kuphela nemeko leyo yempilo yengqondo yalo mntu okanye, ngokubhekiselele kwinjongo yokusebenza koMthetho weNkqubo yeZaphulamthetho, kwaye hayi yezentlalo nezombuso okanye imo yezoqoqosho, ezenkcubeko okanye imvelaphi ngezenkolo okanye ukuzalana.
Ummiselo obhekiselele kwisimo sokuphila kwengqondo yomsebenzisi ungenziwa kuphela okanye ukhankanywe ngenjongo ezingqalene ngqo nesimo sokuphila kwengqondo yalo msebenzisi.
Ukudizwa kolwazi
 Umntu okanye iziko lempilo alivumelekanga ukuba lidize naluphina ulwazi umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo anelungelo lokuyigodla ngokwawo nawuphina omnye umthetho.
Nangona icandelwana 1 lisitsho nje, intloko yesebe likazwelonke, intloko yesebe lephondo okanye intloko yeziko ekungqalwe kulo ingadiza olulwazi ukuba xa ukusilela kwayo kungabeka esichengeni impilo yomsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo okanye abanye abantu.
Lowo ubonelela ngenkonzo yenkathalelo yempilo yengqondo angavimba ukufikelela kulwazi olugcinwe kumaxwebhu ezempilo okwethutyana kumsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo, ukuba ukudizwa kolo lwazi kungakhokhelela eku-
a bekeni esichengeni komsebenzisi; okanye b kukhokhelele ekubeni umsebenzisi aziphathe ngendlela enokuthi imbeke esichengeni okanye impilo yabanye abantu.
Izithintelo ekuthandaneni kwabantu abadala
Ngokungaphantsi kweemeko ezisetyenziswa ekuboneleleni ngenkonzo zenkathalo, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kumaziko empilo, intloko yeziko lempilo ingathintela ukuthandana kwabantu abadala abangabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo kuphela xa ngaba ngenxa yokugula ngengqondo, isakhono somsebenzisi sokunika imvume sinciphile.
Ilungelo lokumelwa
 Umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo unelungelo lokuba nommeli, kuquka ummeli wasemthethweni, xa-
a efaka isicelo;
b efaka isibheno; okanye c evela phambi kwemantyi, ijaji okanye iBhodi yokuHlola, kodwa oku kwenziwe phantsi kwemithetho elawula amalungelo okuvela enkundleni yamatyala.
Umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ohlwempuzekileyo unelungelo unelungelo loncedo lomthetho olunikezelwa nguRhulumente malunga nayo nayiphina inkqubo emiselwe okanye eqhutywa ngokwalo Mthetho phantsi kwayo nayiphina imeko eqhutywa ngokwecandelo 3 d loMthetho woNcedo lwaseMthethweni ka-1969 Umthetho nombolo 22 ka-1969.
Ingxelo yokukhululwa
Intloko yeziko lempilo kufuneka, kwifomu emiselweyo, inike inxelo yokukhululwa kunyango kumsebenzisi owayengeniswe ngenjongo zokufumana inkonzo yenkathalelo, unyango okanye ukubuyiselwa kwisimo sesiqhelo.
Ulwazi lwamalungelo
Nawuphina umboneleli ngenkathalelo yempilo kufuneka phambi kokuba anike nayiphina inkonzo yenkathalelo, unyango kunye nokubuyisela kwimo yesiqhelo, azise umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ngendlela efanelekileyo ngamalungelo akhe, ngaphandle kokuba umsebenzisi ungeniswe phantsi kwemeko ezikhankanywe kwicandleo 9 (c).
ISAHLUKO I
IBHODI ZOKUHLOLWA KWEMPILO YENGQONDO
Ukusekwa
 Ilungu lesiGqeba esiLawulayo elinoxanduva lwenkonzo zempilo kwiphondo kufuneka, emva kokuthethathethana nentloko yesebe lephondo elichaphazelekayo, liseke iBhodi yokuHlola ngokumalunga naliphina iziko lempilo elibonelela ngenkonzo zenkathalelo, unyango okanye ukubuyisela kwimo yesiqhelo kwiphondo elo.
Ibhodi yokuHlola ekujoliswe kuyo kwicandelwana 1 inokusekwa ijongane neziko ngalinye okanye ingqokelela yamaziko empilo abonelela ngenkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo kwiphondo elo.
Isebe elo lingqamene noko phantsi kwemithetho elawula inkonzo yasebuRhulumenteni kufuneka -
a liqeshe, linikele okanye lityumbe abantu kubasebenzi balo; kwaye b linikezele ngezixhobo zokusebenza ezizezinye, kwiBhodi yokuHlola ukuza ibenako ukwenza umsebenzi wayo wolawulo.
Amagunya kunye nemisebenzi yeBhodi yokuHlola
 Ibhodi yokuHlola kufuneka-
a iqwalasele izibheno kwizigqibo zentloko yesebe leziko lempilo;
b ithathe izigqibo ngokunxulumene nenkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo, unyango kunye nokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo saba sebenzisi abancedisiweyo okanye abangazikhethelanga;
c iqwalasele ukuhlolwa kwaye ithathe izigqibo malunga nabasebenzisi bennkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo, unyango okanye ukubuyiselwa kwisimo sesiqhelo sabasebenzisi abancedisiweyo okanye abangazikhethelanga;
d iqwalasele uvavanyo lwasemva kweyure ezingama-72 olwenziwe yintloko yeziko lempilo kwaye ithathe izigqibo zokubonelela ngenkathalelo, unyango okanye ukubuyiselwa kwisimo sesiqhelo okungenakuzikhethela okungaphaya;
e iqwalasele izicelo zokutshintselwa kwabasebenzizi benkathalelo yempilo yengqondo ukuya kwindawo zokhuseleko oluluqilima; kwaye f iqwalasele ingxelo zamaxesha athile ngemeko yempilo yengqondo yamabanjwa agula ngengqondo.
Ibhodi yokuHlola inako ukuthi xa isenza umsebenzi wayo ithethathethane okanye yamkele ingcebiso kuye nawiphina umntu kuquka umntu okanye iqumrhu elinobungcali.
Ukwakhiwa kweBhodi yokuHlola
 IBhodi yokuHlola ibandakanya abantu abangekho ngaphantsi kwesithathu kunye nabangekho ngaphezulu kwesihlanu abangabemi boMzantsi Afrika abamiselwe liGosa lesiGqeba elifanelekileyo kwiphondo ngalinye.
IBhodi yokuHlola kufuneka ubuncinane yenziwe-
a ngugqirha wabantu abagula ngengqondo;
b ngumantyi, igqwetha okanye igqwetha elamkelwe ngokomthetho weRiphabliki; kunye c nelungu lasekuhlaleni elichaphazelekayo.
Phambi kokunyula nabani na okhankanywe kwicandelwana 1, ilungu elifanelekileyo leQumrhu loLawulo oluPhezulu kufuneka-
a ngesaziso segazethi yePhondo kunye ngangayiphi na enye indlela yonxibelelwano efikelela kuwonkewonke kwelo Phondo, ibize bonke abonyulwa ixele indlela estynzisiweyo yolo nyulo;
a Ilungu elifanelekileyo leQumrhu loLawulo Eliphezulu kufuneka limisele ithuba lonyulo lamalungu onyulwe ngaphantsi kwecandelwana 3.
b Elo xesha lokuqala kwiofisi linokulungiselelwa lifanele imeko ethile.
Ukususwa
 Ilungu leBhodi yokuHlola lingathi nangaliphi na ithuba lisuswe esihlalweni lilungu elifanelekileyo lesiGqeba soLawulo Oluphezulu ngenxa yokuba-
b lingakwazi ukwenza imisebenzi yalo ngokufanelekileyo;
c ukungabikho kwiintlanganiso ezimbini ezilandelanayo zeBhodi yokuHlola ngaphandle kokucela imvume kuqala, ngaphandle kokuba kunikwa isizathu esilungileyo;
d liyeka ukuba ngummi waseMzantsi Afrika; okanye e oko kusemdleni woluntu.
Ilungu alinakho ukususwa esikhundleni ngaphandle kwasemva kophando olwenziweyo.
Izithuba ezivulekayo
 Isikhundla kwiBhodi yokuHlola sivela xa ilungu leBhodi yokuHlola-
a ubuncinane lanika ilungu lesiGqeba soLawulo Oluphezulu isaziso esibhalwe phantsi senyanga enye esinikela ngokurhoxa kwelungu elifanelekileyo leBhunga lesiGqeba;
b lisuswa esikhundleni ngokumalunga necandelo 21; okanye c lithi lisweleke okanye lingakwazi ukwenza umsebenzi walo ithuba leenyanga ezintandathu ezilandelelanayo.
Xa isithuba sithe savela kwiBhodi yokuHlola njengoko kukhankanywe kwicandelwana 1 malunga nokunyulwa kwamalungu eBhodi yokuHlola, inkqubo ekhankanywe kwicandelo 203 liyasebenza.
Isigqibo esithathwe yiBhodi yokuHlola asinakho ukungabinagunyangesizathu kuphela sesithuba esingokunganonopheli kwiBhodi yokuHlola xa kwakuthathwa isigqibo eso.
Intlawulo
 Ilungu elifanelekileyo lesiGqeba esiLawulayo linokuthi ngokungqinelana nelungu lesiGqeba esiLawulayo elinoxanduva lwemali limisele intlawulo, iindleko zokuhamba, izibonelelo kunye nezinye iimali zokubonelela eziza kuhlawulwa ilungu leBhodi yokuHlola elingaqeshwanga ngokusisigxina nguRhulumente.
Intlawulo, iindleko zokuhamba, izibonelelo kunye nezinye iimali zokubonelela ezikhankanywe licandelurana 1 kufuneka zibekelwe ecaleni kwiimali zoMthetho welo Phondo lifanelekileyo.
Iinkqubo zeBhodi yokuHlola
 IBhodi yokuHlola inokumisela iinkqubo ezizezayo zokuqhuba umsebenzi.
a Ilungu elo lifanelekileyo lesiGqeba soLawulo Oluphezulu malalathe omnye wamalungu eBhodi yokuHlola njengosihlalo weentlanganiso zeBhodi yokuHlola ukuchophela intlanganiso.
b Amalungu eBhodi yokuHlola anokumisela inkqubo yokutyumba usihlalo wethutyana ukuba usihlalo akakwazi ukuchophela intlanganiso yeBhodi yokuHlola.
Nanini na xa iBhodi yokuHlola iqwalasela umcimbi obandakanya iziko lempilo apho omnye wamalungu eBhodi yokuHlola engugqirha wonyango lwengqondo, loo gqirha makangangabikho ekuqwalaselweni kwaloo mcimbi.
ISAHLUKO 
IINKONZO ZENKATHALELO, NGOKUZIKHETHELA KUNYE NEZOKUNCEDISWA NGOKUNYANZELISWA,
Iinkonzo zokuzikhethela ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
Umsebenzisi wokhathalelo lwempilo ozinikezela ngokuzikhethela kwiziko lempilo ukuba akhathalelwe, anyangwe aze abuyiselwe isimo sempilo sesiqhelo unelungelo lenkonzo zenkathalelo yempilo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sempilo ngendlela efanelekileyo okanye lokuthunyelwa kwiziko lezempilo elifanelekileyo.
Iinkonzo zenkathalelo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sabasebenzisi benkathalelo yempilo abangakwaziyo ukuzithathela izigqibo ezizizo
Phantsi kwecandelo 9 (c), umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo akanakho ukubonelelwa ngoncedo lokukhathalelwa, ukunyangwa nolokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo liziko lezempilo njengesigulana sangaphandle okanye esingaphakathi ngaphandle kwemvume yakhe, ngaphandle kokuba-
a kwenziwe isicelo esibhaliweyo seenkonzo zokukhathalelwa, ezokunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwintloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo aze akuvume oko; kwaye b ngethuba lokwenza isicelo-
i kukho inkolelo ngokwaneleyo yokuba umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ugula ngengqondo okanye unobukhali okanye unobunzulu obungaphaya bobulwelwe bengqondo, kwaye ufuna iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo, ezokunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okanye ukhuseleko lwakhe, okanye olwabanye abantu; kwaye iiumsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo akakwazi ukuzithabathela isigqibo ngemfuneko yeenkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyieslwa kwesimo sesiqhelo sempilo.
Ukwenziwa kwesicelo seenkonzo zokuncedwa ngokukhathalela impilo, ukunyangwa nezobuyiselwa kwesimo sempilo
 (a) Isicelo ekubhekiswa kuso kwicandelo 26 sinokwenziwa kuphela ngotshate naye, isisizalwane, umlingane, iqabane ngokomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho womsebenzisi wenkathalelo zempilo zengqondo, kodwa apho-
i umsebenzisi ungaphantsi kwe-18 leminyaka ngethuba esenza isicelo, isicelo kufuneka senziwe ngumzali okanye umgcini ngokomthetho womnyangwa; okanye ii ngotshate naye, isizalwane, umlingane, iqabane ngokomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho womsebenzisi xa singafuni, singakwazi okanye singafumaneki ukuze senze eso sicelo, isicelo sinokwenziwa ngobonelela ngokongiwa kwesigulo sengqondo.
b Abafakizicelo abakhankanywe kwicandelo a kufuneka ukuba babe bakhe bambona umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo kwiintsuku ezisixhenxe ezidlulileyo phambi kokuba benze isicelo eso.
Eso sicelo kufuneka senziwe ngendlela emiselweyo, kwaye kufuneka-
a sibonise ukuhlobana phakathi komfaki sicelo nomsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo;
b ukuba umfakisicelo ungumboneleli ngeenkonzo zokonga impilo yengqondo, cacisa-
i izizathu zokuba esenza eso sicelo; nokuba ii ngawaphi na amanyathelo athatyathiweyo ukufuna izizalwane zesigulana ukuze afumanise ukuba nako kwabo okanye ukubakho kwabo ukuze babenokwenza isicelo;
c ukuba sibeke izizathu umenzi sicelo akholelwa phantsi kwazo ukuba iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kuyafuneka; aze d achaze umhla, ixesha nendawo apho umsebenzisi wagqibela ukubonwa ngumfaki sicelo kwisithuba seentsuku ezisixhenxe phambi kokwenziwa kwesicelo.
Isicelo esikhankanywe kwicandelwana 1 singarhoxiswa naninina.
a Intloko yeziko emiselweyo yempilo emalunga noko kufuneka yakufumana isicelo yenze ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo axilongwe ngogqirha bempilo yengqondo ababini.
b Abo basebenzi bempilo yengqondo akufunekanga ibe kwangabo abenze isicelo eso kwaye ubuncinane omnye wabo kufuneka abe nesiqinisekiso sokuxilonga imizimba.
Kwakugqitywa ukwenziwa koxilongo olukhankanywe kwicandelwana 4, abasebenzi bengqondo kufuneka bangenise abakufumeneyo okubhalwe phantsi kwintloko yeziko lempilo echaphazelekayo malunga nokuba-
a iimeko ezikhankanywe kwcandelo 26b zinokusetyenziswa; kwaye b umsebenzi wenkathalelo yempilo yengqondo kufuneka afumane iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo njengesigulane esihlala ngaphandle okanye esamkelwe esibhedlele.
a Ukuba kufumaniseke ukuba oogqirha ababini bempilo yengqondo bayahluka, intloko yeziko lempilo kufuneka ilungiselele ukuba umsebenzisi sixilongwe ngomnye ugqirha wempilo yengqondo.
b Loo gqirha wempilo yengqondo kufuneka, akugqiba ukuxilonga, angenise ngokubhalwe phantsi, ingxelo ngemibandela ekhankanywe kwicandelwana 5.
Intloko yeziko lempilo elimiselweyo inokusiphumelelisa kuphela isicelo ukuba okufunyenwe ngabo gqirha bengqondo ababini kungqina ukuba zikho iimeko zoncedo zokukhathalela, ezonyango nezokuphucula isimo sempilo esixelwe kwicandelwana 4 okanye 6 sivuma okokuba iimeko zoncedo lokukhathalela ngempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kuyinto ekhoyo.
Intloko yeziko lempilo elimiselweyo inokuluvuma kuphela uncedo lwenkathalelo yempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo somsebenzisi olindelweyo njengesigulana esingeniswe esibhedlele xa-
a okufunyenwe ngabasebenzi ababini bengqondo kuvumelana nokokuba iimeko zenkathalelo yempilo zomguli ongaphakathi esibhedlela, ukunyanga nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kuyinto ekhoyo; kwaye b yanelisekile ukuba imiqobo nongenelelo kumalungelo womsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo kwintshukumo,imfihlelo kunye nesidima zingolwalamano kwinkonzo zenkathalelo yempilo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimi sesiqhelo ezifunekayo.
Ukuba yanelisekile, intloko yeziko lempilo kufuneka yenze isaziso esibhaliweyo kumceli ngesigqibo sakhe esimalunga noncedo lokukhathalelwa kwempilo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ekuxoxwa ngayo kwakunye nezizathu zoko.
Ukuba intloko yeziko iyasivuma isicelo seenkonzo zoncedo lokukhathalelwa komguli olaliswe ngaphakathi, ukunyangwa nezobuyiselwa kwesimo sesiqhelo, kufuneka zingaphelanga iintsuku ezintlanu, enze ukuba umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo amkelwe kwelo ziko lempilo okanye athunyelwe kwelinye iziko lempilo elinamancedo afanelekileyo.
Ukuhlolwa kokuqala komsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo oncedwayo yiBhodi yokuHlola
 Intloko yeziko lezonyango elichaphazelekayo kufuneka, zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe ithabathe isigqibo phantsi kwecandelo 27 , ithumele ikopi yesicelo kwiBhodi yokuHlola efanelekileyo kunye nesiqinisekiso sesigqibo sakhe.
a ngabi nako komsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ukuthatha isigqibo esivokothekileyo malunga nemfuneko yeenkonzo zoncedo lokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo; kunye b neemeko umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo afumana ngayo iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Ekupheleni kolu phando, iBhodi yokuHlola kufuneka-
a icele intloko yeziko lempilo ukuba-
i iqhubeke ngokubonelela umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ngeenkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokufanelekileyo; okanye ii ikhulule umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ngokumalunga nendlela efanelekileyo yezonyango; kwaye b inike ingxelo ngezinto ezifumanise kuphando olo kunye namanqanaba athatyathiweyo kwintloko yesebe lephondo elichaphazelekayo.
Ukuba nangaliphi na ithuba phambi kokuba kugqitywe uphando, kufakwa isibheno ngokumalunga necandelo 29, iBhodi yokuHlola kufuneka iluyeke uphando ize iqwalasele isibheno esibekiweyo.
Ukubhena ngokuchasene nesigqibo esithatyathwe yintloko yeziko lezempilo sokuphumeza isicelo soncedo lokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo
 (a) Umsebenzisi wenkathalerlo yempilo yengqondo, umntu otshate naye, isizalwana, umlingane, iqabane ngokomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho unokuthi, zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukusuka kumhla wokukhutshwa kwesaziso esibhaliweyo ngokumalunga necandelo 27 , afake isibheno ngokuchasene nesigqibo sentloko yeziko lempilo kwiBhodi yokuHlola .
b Eso sibheno kufuneka siqulathe iingongoma kunye nezizathu esisekwe phezu kwazo isibheno.
a iqwalasele isibheno ngendlela emiselweyo;
b ibonelele umfaki sibheno, umfaki sicelo, oogqirha abafanelekileyo abakhathalela impilo yengqondo kunye nentloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo, ngethuba lokufaka iinkcukacha ngomlomo okanye ngokubhala malunga nemfaneleko yesibheno; ukuze c ithumele isaziso esibhaliweyo yesigqibo sayo kunye nezizathu zeso sigqibo kumfaki sibheno, kumenzi sicelo, kwintloko yeziko lezempilo ekuthethwa ngalo kunye nogqirha wempilo yengqondo ofanelekileyo.
Ukuba iBhodi yokuHlola iyasixhasa isibheno, zonke iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezinikwa umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo kufuneka zinqunyanyiswe ngokwendlela ezamkelekileyo zonyango kwaye umsebenzisi, ukuba ebesilalisiwe, kufuneka akhululwe liziko lezempilo, ngaphandle kokuba umsebenzisi uvuma iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangw kunye nokubuyiselwa kwesimo sempilo yengqondo.
Ukuhlolwa ngamathuba athile kwesimo kunye neengxelo zonyaka zabasebenzisi abancedwayo benkathalelo yempilo yengqondo
 Kangangenyanga ezintandathu emva kokuba ziqalisile iinkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, ukunyanga kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, kwakunye rhoqo ngeenyanga ezili-12 emva koko, intloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo kufuneka yenze ukuba iimeko zempilo yengqondo zomsebenzisi oncedwayo wenkathalelo zempilo yengqondo ukuba ahlolwe.
a luxele ubunako bomsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ekukwazini ukuzifunela iinkonzo zokukhathalelwa kweenkonzo zempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
b luxele nokuba zingaba zikhona ezinye iinkonzo zokhathalelo lwempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, ezingenazithintelo okanye ezingaphazamisani nelungelo lokukhululeka kwimfihlelo, kunye nesidima somsebenzisi; kwaye c lwenze izindululo ezimalunga nesicwangciso seenkonzo ezizenye zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezilandelayo.
Ingxelo eshwankathela ukuhlolwa kufuneka ingeniswe kwiBhodi yokuHlola.
a ingacebisana naye nawuphi na umntu onokuba nolwazi olumalunga neemeko zempilo yengqondo komsebenzisi lowo;
b kufuneka ithabathe isigqibo kuhlolo; kwaye c kufuneka ithumele isaziso esibhaliweyo ngesigqibo sayo kunye nezizathu zaso kumsebenzisi wenkathalelo wempilo yengqondo lowo kuthethwa ngaye, umenzi sicelo ochaphazelekayo, intloko yeziko lezempilo apho umsebenzisi amkelwe khona kunye netloko yesebe lephondo elifanelekileyo.
a Ukuba iBhodi yokuHlola echaphazelekayo igqiba kwelokuba imkhulule umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo oncedwayo -
i zonke iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kufuneka zinqunqanyiswe ngokumalunga neendlela zonyango ezamkelekileyo; kwaye ii ukuba umsebenzisi ungeniswe ngaphakathi kufuneka akhululwe kwiziko elo lempilo, ngaphandle kokuba umsebenzisi uyazivuma iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
b Intloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo kufuneka yenze ngokwesigqibo seBhodi yokuHlola.
Ukubuyiselwa kwamandla abasebenzisi abancedwayo benkathalelo yempilo yengqondo ukuze bakwazi ukuthathabatha izigqibo ezivokothekileyo
 Ukuba intloko yeziko lezempilo, nangaliphi ithuba emva kokuvuma isicelo seenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sempilo sesiqhelo sesiqhelo, inesizathu sokukholelwa ngokuzilolongela ngenkqu, ulwazi elufumeneyo okanye ekufumaneni inkcazelo kulowo ungumsebenzisi wayo, okokuba umsebenzisi oncedwayo wenkathalelo yempilo yengqondo uyachacha ekuzithatheleni izigqibo ezivokothekileyo, ize imbuze kumsebenzisi okokuba uyafuna na ukuqhubeka nokusebenzisa ngokuzithandela nezokukhathalelwa kwempilo yengqondo,unyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Ukuba umsebenzisi oncedwa ngeenkonzo zenkathalelo yempilo yengqondo, uyavuma ukuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, icandelo 25 liyasebenza.
Ukuba umsebenzisi oncedwa ngenkathalelo yempilo yengqondo akavumi ukuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, kwaye intloko yeziko lezempilo iyaneliseka ukuba umsebenzisi-
a akasaguli ngengqondo okanye ukusilela kwengqondo okukhankanywe kwicandelo 26b, intloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo kufuneka ngokukhawuleza senze ukuba umsebenzisi akhululwe ngokweendlela zonyango ezivumelekileyo; okanye b sisagula ngengqondo okanye ukungasebenzi kwengqondo okukhankanywe kwicandelo 26b, intloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo kufuneka, ngokubhalwe phantsi lazise-
i umntu owayenze isicelo ngokumalunga necandelo 27; kunye ii nogqirha owonga impilo yengqondo, unontlalontle obhalisiweyo okanye umongikazi olawula iinkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, ezokunyaga nezobuyiselwa kwesimo sesiqhelo kuloo msebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo.
Intloko yeziko lezempilo kufuneka yazise abantu abakhankanywe kwicandelwana 3b ukuba banokwenza isicelo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokufumana loo ngxelo kwintloko yeziko lezempilo elifanelekileyo ukuba babonelele ngeenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, unyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okunyanzelekileyo kumsebenzisi, kwaye icandelo 32 ne-33 ziyasebenza koku.
Ukuba isicelo asenziwanga phambi kokuba kuphele iintsuku ezingama-30, umsebenzisi esincediswa ukukhathalelwa impilo yengqondo kufuneka sikhululwe.
Ukukhathalelwa kwabasebenzisi bempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo ngaphandle kwemvume
Umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo kufuneka abonelelwe ngeenkozo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngaphandle kwemvume yakhe kwiziko lezempilo njengesigulana esihlala ngaphandle okanye sihlala ngaphakathi ukuba-
a isicelo esibhaliweyo sokufumana iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezifanelekileyo senziwe kwintloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo saza isicelo savunywa;
b ngexesha lokwenza isicelo, kukho inkolo evakalayo yokuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo unesigulo sengqondo esiluhlobo lokuba-
i umsebenzisi singanobungozi bokuzenzakalisa okanye senzakalise abanye; okanye ii ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo somsebenzisi kuyafuneka, ukukhusela iimali okanye igama elihle lesigulana; kwaye c ngexesha lokwenza isicelo umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo akanako ukuthatha isigqibo ngeemfuno zaso zeenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, zokunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwaye asizimiselalnga ukwamkela ukukhathalelwa, unyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okufunekayo.
Ukwenza isicelo sokukhathalelwa, sokunyangwa nokubuyisela isimo sempilo ngokungazimiselanga
 (a) Isicelo seenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, zokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga sinokwenziwa kuphela ngotshate naye, isizalwane, umlingane, iqabane ngokomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho womsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo, kodwa apho-
i umsebenzisi ungaphantsi kweminyaka eli-18 ngomhla ekwenziwa ngawo isicelo, isicelo eso kufuneka senziwe ngumzali okanye ngumgcini womsebenzisi; okanye ii otshate naye, isizalwane, umlingane, iqabane lomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho womsebenzisi engafuni, engakwazi okanye engafumaneki ukuze enze eso sicelo, isicelo sinokwenziwa ngumboneleli ngeenkonzo zokonga impilo.
b Abafaki zicelo abakhankanywe kwicandelo a kufuneka ukuba babe bakhe bambona umsebenzisi wokhathalelo lwempilo yengqondo kwiintsuku ezisixhenxe ezidlulileyo phambi kokuba benze isicelo eso.
Eso sicelo kufuneka senziwe ngendlela emiselweyo, kwaye kufuneka-
a sibonise ukuhlobana phakathi komfaki sicelo nomsebenzisi wokhathalelo lwempilo yengqondo;
b ukuba umfaki sicelo ungumboneleli ngeenkonzo zokonga impilo yengqondo, cacisa-
i izizathu ezenza ukuba eso sicelo sibe senziwa nguye; nokuba ii ngawaphi na amanyathelo athathiweyo ukufuna izizalwane zomsebenzisi ukuze afumanise ukukwazi okanye ukubakho kwazo ukuze babenokwenza isicelo eso;
c sibeke izizathu athi umenzi sicelo akholelwe phantsi kwayo ukuba iinkonzo zokukhathalelwa, ezonyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ziyafuneka; aze d achaze umhla, ixesha nendawo apho umsebenzisi wagqibela ukubonwa kuyo ngumenzi sicelo kwisithuba seentsuku ezisixhenxe phambi kokwenziwa kwesicelo .
Isicelo esikhankanywe kwicandelwana 1 singarhoxiswa naninina.
a Yakufumana isicelo intloko yeziko lempilo emalunga noko kufuneka yenze okokuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo iqisekise ukuba axilongwe ngoogqirha bempilo yengqondo ababini.
b Abo gqirha bempilo yengqondo akufuneki ibe kwangabo abebenze isicelo kwaye ubuncinane omnye wabo kufuneka abe nesiqinisekiso sokuxilonga imizimba.
Kwakugqitywa ukwenziwa uxilongo, oogqirha bengqondo kufuneka bangenise abakufumeneyo ngencwadi kwintloko yeziko lempilo echaphazelekayo malunga nokuba-
a iimeko ezikhankanywe kwicandelo 32b no c ziyasebenza na; nokuba b umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo kufuneka afumane iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezinyanzeliswayo.
a Ukuba kufumaniseke ukuba izimvo zabo gqirha babini bempilo yengqondo ziyahluka, intloko yeziko lempilo kufuneka ilungisele ukuba umsebenzisi axilongwe ngomnye ugqirha wempilo yengqondo.
b Loo gqirha wempilo yengqondo kufuneka, akugqiba ukuxilonga, angenise ingxelo ngencwadi ebhaliweyo ngemibandela ekhankanywe kwicandelwana 5.
Intloko yeziko lempilo inokusiphumelelisa kuphela isicelo ukuba okufunyenwe ngabo gqirha bengqondo ababini kuthethwe ngabo kwicandelwana 4 okanye 6 kungqina ukuba zikho iimeko ezifuna uncedo zokukhathalela okunyanzekelekileyo, ezonyango nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Intloko yeziko lempilo mayazise umfaki sicelo ngokubhaliweyo izizathu zokuba ingaba lunganikwa na uncedo lokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Ukuba intloko yeziko iyasiphumelelisa isicelo seenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezonyango nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezinyanzelisiweyo, kufuneka-
a zingaphelanga iiyure ezingama-48, yenze ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo amkelwe kwelo ziko lempilo; okanye b ngokungqinelana nenye intloko yeziko lempilo elinezibonelelo ezifanelekileyo, umsebenzisi athunyelwe kwelo ziko limiselweyo.
Ukuvavanywa ithuba leeyure ezingama-72 kunye nokubonelelwa ngokunye ukukhathalelwa, ukunyangwa nokulungiswa isimo okunyanzelekileyo
 Ukuba intloko yeziko lezempilo inika imvume yesicelo seenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kufuneka-
a iqinisekise ukuba umsebenzisi unikwa iinkonzo ezifanelekileyo zokukhathalelwa, ezonyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
b amkele umsebenzisi aze acele ugqirha nomnye usebenzi wempilo yengqondo, ukuba bavavanye imo yempilo yomzimba neyasengqondweni yomsebenzisi ogula ngengqondo kwiithuba leeyure ezingama-72 ngeendlela emiselweyo; aze c aqinisekise ukuba oogqirha abo bakwaqwalasela nokuba ngaba-
i iinkonzo zokukhathalelwa, ezonyango kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okunyanzelekileyo kufuneka baqhubeke na ngazo; nokuba ii ezo nkonzo zokukhathalelwa, ezonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kufuneka kunikezelwe ngazo phantsi kwemeko yokuba ngumsebenzisi ohlala ngaphandle okanye owamkelwe ngaphakathi kwiziko lempilo.
Intloko yeziko lempilo kufuneka, zingaphelanga iiyure ezingama-24 emva kokuphela kovavanyo lweeyure ezingama-72 inike umenzi sicelo iinkcukacha zolo vavanyo.
Ukuba intloko yeziko lempilo elandela uvavanyo ikwingcamango yokuba isimo sempilo somsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo-
a asigunyazisi nkonzo zakukhathalelwa, ukunyangwa kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokungazimiselanga, kufuneka akhululwe ngoko nangoko umsebenzisi, ngaphandle kokuba uzifunela ngokwakhe iinkonzo zonyango;
b Igunyazisa ukuba kwenziwe iinkonzo zokukhathalelwa, ezonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okongezelelweyo nokunyanzelekileyo ngokwemigaqo yesigulana esihlala ngaphandle kufuneka-
i imkhulule umsebenzisi ngaphansti kwemiqathango ethile okanye imigqaliselo ephathelele kwimeko yonyango lwakhe lwangaphandle.
ii Ibhale yazise iBhodi yokuHlola;
c igunyazise ezinye iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo enyanzelekileyo ngokwendlela yesigulane esihlala ngaphakathi, intloko yeziko lempilo kufuneka-
i zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe emva kokuphela kwethuba lovavanyo lweeyure ezingama-72 ifake isicelo esibhalwe phantsi kwiBhodi yokuHlola ukuba ivume ezinye iinkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokunyanzelekileyo ngokwemigaqo yezigulana ezihlala ngaphakathi kweziko lempilo eziqulethe-
aa ikopi yesicelo ekhankanywe kwicandelo 33;
bb ikopi yesaziso esinikwe ngokumalunga necandelo 338;
cc ikopi yoko kufunyenwe kuvavanyo;
dd imiqathango esenziwa phantsi kwayo isicelo;
ii inike isaziso kumenzi sicelo sosuku angeniswe ngalo amaxwebhu kwiBhodi yokuHlola.
Ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo uza kukhathalelwa, anyangwe kwaye abuyiselwe isimo sesiqhelo engaphakathi kwaye umsebenzisi abe elaliswe ngaphakathi kwiziko lempilo elilolu hlobo-
a isibhedlele sabagula ngengqondo, eso sibhedlele kufuneka sigcine, inkathalelo, sinyange kwaye sibuyisele isimo sesiqhelo sempilo yomsebenzisi; okanye b esingesosibhedlele sabagula ngengqondo, loo msebenzisi kufuneka atshintshelwe kwisibhedlele sabagula ngengqondo esineenkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo, de iBhodi yoku Hlola yenze isigqibo.
Ukuba nangaliphi na ixesha emva kokuphela kwethuba lovavanyo lweeyure ezingama-72, intloko yeziko lempilo elimiselweyo inemgcamango yokuba umsebenzisi obemkelwe ngokweenkonzo ezinyanzelekileyo zonyango kwaye elaliswe ngaphakathi ukulungele ukuba ngumguli onikwa unyango angalaliswa kufuneka-
a amkhulule kunyango umsebenzisi ngokweemeko okanye iinkqubo ezimiselweyo; ize b yazise iBhodi yokuHlola ngokubhalwe phantsi.
Intloko yeziko lempilo emiselweyo inokukurhoxisa ukukhululwa komsebenzisi ize icele umsebenzisi ukuba abuyele kwiziko lonyango elimiselweyo ngokwendlela yomguli olaliswe ngaphakathi ngokungazimiselanga; ukuba inezizathu zokukholelwa ukuba umsebenzisi akaphumelelanga ukuyithobeli imiqathango yolo khululo lwakhe.
IBhodi yokuHlola kufuneka, zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ifumene amaxwebhu akhankanywe kwicandelwana 3ci-
a iqwalasele isicelo ngendlela emiselweyo, ize inike umenzi sicelo, oogqirha bengqondo abakhankanywe kwicandelo 33 okanye ugqirha wenkathalelo zempilo yengqondo ozimeleyo ukuba ukho, nentloko yeziko lempilo elimiselweyo ithuba lokuxoxa okanye lenze inkcazelo yomlomo okanye ebhalwe phantsi ngemfaneleko kwinkcazelo yesicelo eso;
b ithumele isigqibo esinezizathu kumenzi sicelo kwakunye nentloko yeziko lempilo elimiselweyo; ize c ukuba iBhodi yokuHlola igqiba kwelokuba isivume isicelo eso, ingenise amaxwebhu kuNobhala weNkundla ePhezulu ekhankanywe kwicandelwana 3ci nesaziso esibhaliweyo ukuze siqwalaselwe yiNkundla ePhakamileyo.
Ukuba nangaliphi na ixesha phambi kokwenza isigqibo sokuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo, ngendlela yokulaliswa ngaphakathi komguli, isibheno siya mangalelwa ngokuchasene nesigqibo sentloko yeziko lempilo elimiselwayo ngokumalunga necandelo 35, iBhodi yokuHlola kufuneka inqumamise inkqubo yokuhlolwa iqwalasele isibheno. ngemiqathango yezigulana ezihlala ngaphakathi.
Ukubhena kwisigqibo sentloko yeziko lezempilo elimiselweyo malunga nokukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo okunyanzelekileyo
 (a) Umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo, okanye otshate naye, isizalwane, umlingane, iqabane ngokomsebenzi, umzali okanye umgcini ngokomthetho womsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqodo unokuthi, zingaphelanga iintsuku ezingama 30 ukusuka kumhla wesaziso esibhaliweyo esikhutshwe ngokwecandelo 33 , abhene ngokuchasene nesigqibo sentloko yeziko lempilo elimiselweyo kwiBhodi yokuHlola.
b Eso sibheno kufuneka sibeneengongoma nezizathu zokusekwa kwesibheno eso.
Zingaphelanga iintsuku ezingama 30 emva kokufumana isaziso sokubhena, iBhodi yokuHlola kufuneka-
a ifumane kwintloko yeziko elimiselweyo lezempilo elichaphazelekayo, ikopi yesicelo eso esenziwe ngokumalunga necandelo 33, isaziso esinikwe ngokumalunga necandelo 338 kunye nekopi yeziphumo zovavanyo oluqhutywe ngokumalunga necandelo 34 1, ukuba liyasebenza;
b inike ofake isibheno, umenzi sicelo, abasebenzi bempilo yengqondo abakhankanywe kwicandelo 33, ugqirha wempilo yengqondo ozimeleyo, ukuba ukho, kunye nentloko yeziko lezempilo elichaphazelekayo ithuba lokufaka iinkcukacha ngokubhaliweyo okanye ngomlomo ngokweengongoma zomxholo kwesibheno.
c iqwalasele isibheno ngendlela emiselweyo; kwaye d ithumele isaziso esibhaliweyo yesigqibo sayo kunye nezizathu zeso sigqibo kumfaki sibheno, kumenzi sicelo, kwintloko yeziko lezempilo ekuthethwa ngalo kunye nesebe lephondo elifanelekileyo.
Ukuba iBhodi yokuHlola iyasixhasa isibheno-
a zonke iinkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, ezokunyanga nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo kumsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo kufuneka zinqunyanyiswe ngokweemeko ezamkelekileyo zeendlela zonyango; kwaye b umsebenzisi, ukuba ebemkelwe esibhedlele kufuneka akhululwe yintloko yeziko, ngaphandle kokuba umsebenzisi ufuna ukuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa, ezokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo.
Ukuba iBhodi yokuHlola ayisixhasi isibheno, kufuneka ingenise amaxwebhu akhankanywe kwisiqendwana 2a no d kuNobhala weNkundla ePhakamileyo ukuze ahlolwe yiNkundla ePhakamileyo.
Ukuhlolwa kwemfuneko yezinye iinkonzo ezinyanzelekileyo zokukathalelwa, ukunyangwa kunye nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yinkundla
Zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokuba iNkundla ePhakamileyo yamkele amaxwebhu angeniswa yiBhodi yokuHlola ngokwecandelo 34 okanye 35 , iNkundla ePhakamileyo-
a kufuneka iqwalasele iinkcukacha ezingenisiweyo nayo nayiphi na inkcazelo eyenziwe nguye nawuphi na umntu okhankanywe kwicandelo 351;
b inokufumana ulwazi kuye nabani na ofanelekileyo; ize c kufuneke emva koko iyalele-
i ukuba kuqhubeke ukuhlaliswa komsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo esibhedlela ukuze, ukuba kukho imfuneko yoko, imicimbi yemali yomsebenzisi lowo wenkathalelo zempilo yengqondo iphathwe kwaye ilawulwe ngokwezibonelelo zesahluko VIII; okanye ii umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo akhululwe esibhedlele ngoko nangoko.
Ukuhlolwa okwenziwa rhoqo emva kwexesha kunye neengxelo zonyaka zabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo ngokunyanzeliswa
 Kwinyanga ezintandathu emva kokuqaliswa kweenkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, zokunyanga kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo, kwaye rhoqo kwiinyanga ezili-12 emva koko, intloko yeziko lezempilo echaphazelekayo kufuneka yenze ukuba kuhlolwe imeko yempilo yomsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo.
a luxele imo yempilo yomsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo yokukwazi ukubonisa xa efuna iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo;
b luchaze ukuba umsebezisi wenkonzo zempilo yengqondo kukho nkolelo na yokuba unokuzenzakalisa ngokumasikizi okanye enzakalise abanye abantu;
c luxele nokuba ingaba kukho ezinye na iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezinesithintelo nganeno kweso okanye eziphazamisana nelungelo lomsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo ekukhululekeni, imfihlelo, nesidima saso; kwaye d lwenze izindululo ezimalunga nesicwangciso sezinye iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa kunye nezokubuyiselwa kwesimo sempilo yengqondo ezilandelayo.
Intloko yeziko lonyango elimiselweyo lwabagula ngengqondo kufuneka ingenise ingxelo eshwankathelweyo yokuhlolwa kwiBhodi yokuHlola.
Zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokufumana loo ngxelo, iBhodi yokuHlola kufuneka-
a iqwalasele ingxelo kubandakanywa nokufumana iinkcukacha nakubani na ofanelekileyo; kwaye b ithumele isaziso esibhaliweyo ngesigqibo sayo kumsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo, umenzi sicelo ochaphazelekayo, intloko yeziko lezempilo elimiselweyo kunye netloko yesebe lephondo elifanelekileyo exela izizathu zesigqibo sakhe.
a Ukuba iBhodi yokuHlola echaphazelekayo igqiba ukuba imkhulule umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo onyanzelisiweyo-
i zonke iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezokunyangwa nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sengqondo kufuneka zinqunyanyiswe ngokumalunga neendlela zonyango ezamkelekileyo; kwaye ii ukuba umsebenzisi ebengeniswe ngaphakathi kufuneka akhululwe kwiziko elo lempilo elimiselweyo ngaphandle kokuba umsebenzisi uyavuma ukunikwa iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
b Intloko yeziko lezempilo elimiselweyo echaphazelekayo kufuneka livumelane nesigqibo seBhodi yokuHlola.
UNobhala weNkundla ePhakamileyo kufuneka aziswe ngokunhalwe phantsi ngokukhululwa kwiziko lonyango okwenziwe malunga neli candelo.
Ukubuyiselwa kwesakhono somsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo ngokunyanzelisiweyo ekwenzeni izigqibo ezisekelwe kulwazi
 Ukuba intloko yeziko lempilo inengcamango yokuba ngenxa yeembono zayo, ekufumaneni inkcazelo ngomsebenzisi, yokuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo ngokunyanzelisiweyo unakho ukuzithathela izigqibo ezisekwe kulwazi, kufuneka ibuze kumsebenzisi lowo ukuba angathanda na ukuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezonyango nezokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo.
Ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo ngokunyanzelisiweyo uyavuma ukuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, zokunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo, icandelo 25 liya kutyhi lisebenze.
Ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo ngokunyanzelisiweyo akafuni kuqhubeka neenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ezonyango kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kwaye intloko yeziko lempilo iyaneliseka ukuba umsebenzisi akasaguli ngengqondo njengoko kukhankanywe kwicandelo 32b, intloko yeziko lezempilo elimiselweyo echaphazelekayo kufuneka ngoko nangoko lenze okokuba akhululwe umsebenzisi kunyango ngokweendlela zonyango ezivumelekileyo.
Ukutshintshelwa kwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo kwiindawo ezinokhuseleko oluluqilima
 Intloko yeziko lempilo inokungenisa isicelo esibhaliweyo kwiBhodi yokuHlola efanelekileyo iyalela ukutshintshelwa komsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo oncedwayo okanye onyanzeleke ukuba ongiwe impilo yengqondo kwelinye iziko elimiselweyo lezempilo elinoqilima lokhuseleko oluphezulu ukuba umsebenzisi-
a ukhe wazimela okanye walinga ukuzimela kwilixa elingaphambili; okanye b wenzakalise okanye ubonakala enokwenzakalisa abanye kwiziko elimiselweyo lezempilo.
Intloko yeziko lezempilo kufuneka ifake ikopi yengxelo kumenzi sicelo ukuze umenzi sicelo akwazi ukungenisa inkcazelo kwiBhodi yokuHlola malunga nemfanelo zolo tshintsho.
IBhodi yokuHlola kufuneka ingasiphumezi isicelo-
a ngenjongo yokohlwaya umsebenzisi lowo ogula ngengqondo ochaphazelekayo; okanye b ukuba ayoneliseki ukuba imeko yempilo yengqondo yomsebenzisi igunyazisa ukutshintshelwa kwiindawo ezinoqilima lokhuseleko.
Ukuba iBhodi yokuHlola iyasiphumeza isicelo kufuneka ithumele ikopi yalo myalelo uchaphazelekayo kwintloko yeziko lezempilo elimiselweyo nakwintloko yesebe lephondo elifanelekileyo.
Zingaphelanga iintsuku ezili-14 emva kokufumana umyalelo, intloko yesebe lephondo elichaphazelekayo kufuneka yenze amalungiselelo afunekayo kunye neziko elimiselweyo elifanelekileyo lempilo ize iphumeze utshintsho njengoko kuyalelwe.
Intloko yeziko lempilo elimiselweyo inokuthi, ngokuvumelana nentloko yeziko lempilo elimiselweyo elinokhuseleko oluluqilima iphumeze utshintsho ngokuxhomekeke kwisigqibo seBhodi yokuHlola ukuba isimo somsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo sinokwenza okanye sinokuthi sikhokelele kwimo yonxunguphalo.
Ungenelelo olwenziwa ngamalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika
 Ukuba ilungu leNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika linesizathu sokukholelwa, ngokuzibonela okanye ngeenkcukacha zikagqirha wempilo yengqondo ukuba, ngenxa yokugula ngengqondo okanye ingqondo enobunzulu okanye ubukhali bobulwelwe obukhulu bengqondo umguli lowo unokuzenzakalisa okanye enzakalise abanye, ilungu elo malimbambe loo mntu lenze ukuba umntu lowo-
a asiwe kwiziko lempilo elifanelekileyo elilawulwa phantsi koRhulumnte aye kufumana uvavanyo lwesimo sempilo yengqondo ; aze b anikezelwe kugcino lwentloko yeziko lempilo elimiselweyo okanye nawuphi na umntu owalathelwe yintloko yeziko lempilo ukuba amkele abantu abanjalo.
Ukuba ugqirha wengqondo, emva kovavanyo okukhankanywe kwicandelwana 1, ucinga ukuba umntu obanjiweyo-
a ngenxa yesimo sakhe sengqondo okanye ubukhali okanye ubunzulu bengqondo obumandla unobungozi kuye nakwabanye abantu, makamamkele umntu lowo kwiziko lempilo elimiselweyo ithuba elingekho ngaphezulu kweeyure ezingama-24 ukuze kwenziwe isicelo ngokumalunga necandelo 33; okanye b aka bonakalisi bungozi bokwenzakalisa, amkhulule ngoko nangoko umntu lowo.
Ukuba isicelo asenziwanga kwithuba leeyure ezingama-24, umntu lowo ubanjiweyo kufuneka akhululwe ngoko nangoko.
Ukuba umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo oncediswayo okanye onyanzeleke ukuba akhathalelwe impilo yengqondo okanye othathwa ngokuba uzimele okanye akakhange atshintshelwe kwenye indawo ngokwamacandelo 2710, 339, 344b, 346 nama-39, intloko yeziko lempilo echaphazelekayo inokucela uncedo kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ukuba-
a amkhangele, ambambe aze ambuyisele umsebenzisi kwiziko lempilo elimiselweyo nelichaphazelekayo; okanye b atshintshele umsebenzisi kwenye indawo ngendlela emiselweyo.
Inkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika kufuneka isivume isicelo.
Xa kucelwa uncedo, iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika mayaziswe ngomgangatho wobungozi ocingelekayo kwalo msebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo uncediswayo okanye onyanzelisa ukukhathalelwa impilo yengqondo.
Umntu obanjiweyo ngokumalunga necandelwana 4 unokuvalelwa kugcino lwamapolisa elo thuba ngokwexesha elimiselweyo ukulungiselela ukuphumeza ukubuyiselwa okanye ukutshintshwa ngendlela emiselweyo.
Ilungu leeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika, linokusebenzisa loo miqathango ithintelayo njengoko kunokuba yimfuneko yemeko xa libamba umntu okanye lisenza nawuphi umsebenzi ngokumalunga neli candelo.
ISAHLUKO VI IZIGULANA ZIKARHULUMENTE Ukumiselwa kwamaziko empilo ezigulana zikaRhulumente
Intloko yeSebe likaZwelonke kufuneka ngokuvumelanayo neentloko ezifanelekileyo zamaPhondo, imisele amaziko empilo afanele ukumiselwa, anokuthi abe nokwamkela, akhathalele, anyange kwaye abe neenkonzo zokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kubaguli bakaRhulumente.
Ukwamkelwa kwezigulana zikaRhulumente kumaziko empilo amiselweyo
 Apho inkundla ithe yakhupha umyalelo wokwamkelwa komguli kaRhulumente kwiinkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ngokoMthetho Wenkqubo Yolwaphulo-mthetho, uMphathi okanye uNobhala wenkundla makathumele ikopi yeso sigunyaziso:
a kumlawuli ongumgcini weziko ngokusemthethweni;
b nakwigosa eliphetheyo kwiziko lovalelo mabanjwa apho isigulane sikaRhulumente simele ukuvalelwa khona.
Igosa eliphetheyo kwiziko lovalelo mabanjwa kufuneka lithumele ikopi yeso sigunyaziso kwintloko yeSebe likaZwelonke zingedlulanga iintsuku ezili-14, licele ukuba isigulane sikaRhulumente sitshintshelwe kwiziko elimiselwe ngokwemigaqo yecandelo lwama-
 Yakuba nje isifumene isigunyaziso intloko yeSebe likaZwelonke kufuneka-
a imisele ziko lempilo ekufanele ukuba sitshintshelwe kuso isigulala sikaRhulumente;
b iqinisekise ukuba ayenziwa amalungiselelo okuphumeza utshintsho lwesigulane sikaRhulumente kwiziko lempilo elimiselwe ngokwemigaqo yecandelo lwama-41;
c ngokubhalwe phantsi yazise-
i umlawuli nongumgcini ngokusemthethweni;
ii igosa eliphetheyo kwiziko lovalelo mabanjwa apho isigulane sikaRhulumente sivalelwe khona.
Zingedlulanga iintsuku ezili-14 lakuba lizifumene iinkcukacha zotshintsho, igosa eliphetheyo kwiziko lovalelo mabanjwa malisebenzele ukuba isigulane eso sitshintshelwe kwelo ziko lixeliweyo kweso sigunyaziso.
Ukutshintshelwa kwezigulana zikaRhulumente kumaziko empilo amiselweyo
 Nangona kumiselwe yintloko yesebe likaZwelonke ngokumalunga necandelo 42 (a) intloko yeSebe lePhondo efanelekileyo inokuthi emva koko itshintshele isigulane sikaRhulumente kwelinye iziko lempilo elimiselweyo eyilwe ngokwecandelo lama-41 kwi-
a phondo apho intloko yeSebe lePhondo inamandla okulawula khona; okanye b Elikwelinye iPhondo ngokuvumelana nentloko zeSebe lePhondo echaphazelekayo.
Utshintsho lunokwenziwa kuphela xa kukho imfuneko yokukhathalela, ukunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yomsebenzisi sikaRhulumente.
Nangona kumiselwe liSebe likaZwelonke iBhodi yokuHlola efanelekileyo inokugunyazisa ukuba isigulane sikaRhulumente sitshintshelwe kwiziko lempilo elimiselweyo elinokhuseleko olungqingqwa, ngokwecandelo lwama-
 Isigunyaziso ekubhekiswa kuso kwicandelwana sikhutshwa kuphela xa-
a Isigulane sikaRhulumente senzakalise okanye singathi singenzakalisa abanye; naxa b Ekufumanekeni kwesicelo esibhalwe phantsi esivela kwiziko lempilo elimiselweyo apho isigulane sikaRhulumente sivalelweyo kuchazwa ngokuphandle izizathu ekusekelwe kuzo isicelo eso.
Yakuba isikhuphile isigunyaziso eso iBhodi yokuHlola mayithumele ikopi yeso sigunyaziso kwintloko yeSebe kaZwelonke.
Yakuba isifumene isigunyaziso eso, intloko yeSebe likaZwelonke kufuneka ithi zingekedluli iintsuku ezili-14-
a imisele iinkonzo zempilo apho isigulane sikaRhulumente kufuneka sitshintshelwe khona; kwaye b iqinisekise okokuba amalungiselelo afunekayoenziwe aneenkonzo ezifanelekileyo zempilo ukuphumeza utshintsho njengoko kuyalelwe .
Intloko yeziko lempilo elimiselweyo ngemvume yomphathi weziko lempilo elinokhuseleko oluluqilima unokuphumeza ukutshintshwa ngexesha ilinde isigqibo seBhodi yokuHlola, ukuba ngaba ukuziphatha kwesigulane sikaRhulumente sikhokhelela okanye sinokukhokhelela kwimo yonxunguphalo.
Umntu onoxanduva lokuphumeza olo tshintsho ngokweli candelo kufuneka ngokubhalwe phantsi azise igosa elingumgcini osemthethweni.
Izigulana zikaRhulumente ezithe zaqhwesha
 Ukuba isigulane sikaRhulumente sithe saqhwesha elugcinweni okanye umphathi weziko lempilo elimiselweyo uthatha njalo kufuneka-
a ngoko nangoko azise kwaye acele iNkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika ukuba basifumane isigulane eso, basibambe basibuyisele kwelo ziko lempilo sibaleke kulo;
b athi zingekedluli iintsuku ezili-14 ewazisile amaPolisa azise, uMphathi okanye uNobhala weNkundla ofanelekileyo nomgcini osemthethweni wezigulana.
INkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika kufuneka ithobelane nesice eso.
Ukuba isigulane sikaRhulumente sicingelwa ukuba sinobungozi, umphathi weziko lempilo kufuneka awazise amaPolisa.
Isigulane sikaRhulumente esibanjiweyo kufuneka sigcinwe eluvalelweni ithuba elimiselweyo ukuphumeza ukubuyiselwa.
Amalungu eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika avumelekile ukuba asebenzise amalinge onyanzelo njengoko anokuthi afuneke kwaye abe nolwalamano kwimeko leyo xa ebamba nawuphi umntu okanye esenza nawuphi na umsebenzi ngokweli candelo.
Ikhefu kumaziko empilo amiselweyo
 Umphathi weziko lempilo elimiselweyo unakho ukuvumela ukuba isigulane sikaRhulumente sifumane ikhefu kwiziko lempilo elimiselweyo, ngokubhalwe phantsi.
Isaziso eso sibhalwe phantsi kufuneka sixele-
a usuku lokuqala kwekhefu kunye nomhla wokubuyela kwesigulane sikaRhulumente kwiziko lempilo elimiselweyo kwaye kufuneka sifakwe kwintloko yesebe likazwelonke; kunye b imiqathango kunye nemfuneko ekufuneka zithotyelwe ngexesha lekhefu.
Intloko yeziko lempilo ingathi ngexesha lekhefu xa inesizathu sokukholelwa ukuba isigulane sikaRhulumente asiyithobeli imiqathango nemfuneko ezinxulumene nekhefu, irhoxise ikhefu kwaye iyalele ukuba kufuneka isigulane sikaRhulumente kufuneka sibuyele ngaliphi na ixesha kwiziko lempilo.
Ukuba isigulane sikaRhulumente asibuyelanga kwiziko lempilo ngomhla obekiweyo wokubuyela, siya kuthatyathwa njengesiqhweshileyo.
Ukuhlolwa ngamaxesha athile kwesimo sempilo yengqondo yezigulana zikaRhulumente
 Umphathi weziko lempilo elimiselweyo apho isigulane sikaRhulumente samkelwe khona, okanye apho sithathe ikhefu khona, okanye apho sikhululwe khona phantsi kwemiqathango ethile kufuneka aqinisekise ukuba imeko yempilo yengqondo yesigulane eso iyahlolwa emva kweenyanga ezintandathu ukususela mhla saqala ukufumana iinkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yaso kwaye emva kweenyanga ezili-12 emva koko.
Uhlolo lwesimo kufuneka lunike iingcebiso-
a ngoyilo lweenkonzo, zokukhathalelwa impilo yengqondo, ukunyanga kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo ezingaphaya;
b imfaneleko yokunika ikhefu;okanye c ukukhululwa kwesigulane sikaRhulumente.
Umphathi weziko lempilo elimiselweyo kufuneka enze isishwankathelo sengxelo yohlolo asithumele-
a kwintloko yeSebe likaZwelonke;
b kumgcini wezigulana osemthethweni;
c kumlawuli jikelele, ukuba ukho oqeshiweyo.
Kwisithuba seentsuku ezingama-30 intloko yesebe likaZwelonke iyifumene ingxelo-
a isengathethana naye nabani na oneenkcukacha ezinxulumene nesimo sengqondo yesigulane sikaRhulumente eso;
b kufuneka yenze iingcebiso ngokubhalwe phantsi kubhekiselela kwimiba ekuthethwa ngayo kwicandelwana 2;
c kufuneka yenze iingcebiso ngokubhalwe phantsi kunye nezizathu ezibhekisa kwintloko yeziko lempilo elimiselweyo ekujoliswe kulo.
Isicelo sokukhululwa kwezigulana zikaRhulumente
 Nabani na kwaba badweliswe apha unelungelo lokufaka isicelo sokukhululwa kwesigulane sikaRhulumente, kwigumbi lejaji lokuxoxa amatyala angafuni ukuya enkundleni:
a iSigulane sikaRhulumente;
b umgcini wezigulana osemthethweni;
c umlawuli jikelele, ukuba ukho oqeshiweyo;
d umphathi weziko lempilo apho isigulane sikaRhulumente samkelwe khona;
e ugqirha onoxanduva lokulawula inkonzo yokukhathalela, ukunyanga, nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yesigulane sikaRhulumente;
f umyeni/inkosikazi, iqabane okanye isizalwane sesigulana sikaRhulumente;
g nawuphi na omnye umntu onegunya ngokwasemthethweni lokumela isigulane eso sikaRhulumente.
Eso sicelo s kufuneka sibe kuxwebhu elimiselweyo kwaye siqulathe-
a izizathu zokufaka eso sicelo;
b nengxelo yegosa eliqeqeshelwe ukuphonononga isimo sengqondo, ukuba isigulane sikaRhulumente besikhe savavanywa ngulo mntu;
c nalapho umenzi wesicelo ongumgcini osemthethweni okanye umlawuli, ingxelo equlethe imbali kunye nentelekelelo yenkqubo yesifo yemeko yokugula ngengqondo yesigulane sikaRhulumente usuka-
i kumphathi weziko lempilo elimiselweyo apho isigulane sikaRhulumente besigcinwe khona ii kubasebenzi ngempilo yengqondo ababini, omnye wabo abe ngugqirha wezigulana zengqondo;
d nenkcukacha zesinye isicelo sokukhuluwa, ukuba sikho ebesikhe senziwa kwisithuba seenyanga ezili-12 ngaphambi kwesi;
e ukuba isicelo sifakwa ngumntu ongengomgcini wezigulana osemthethweni okanye umlawuli jikelele, makubonakaliswe ukuba ngangabakho ukuphikisana komdla kubagcini bezigulana abasemthethweni nesigulane sikaRhulumente, kunikezelwe ubungqina bokuba ikopi yesi sicelo ithunyelwe kubagcini bezigulana abasemthethweni abachaphazelekayo;
f ukuba isicelo sifakwa liqabane okanye nabani na okhankanywe ku e imbonakalo yomongo okanye umdla kulemeko okanye imbonakalo yokuphikisana komdla ukuba kukhona; kwaye g nazo zonke iinkcukacha zesigulana eziphathelele kwesi sicelo ezigcinwe ngumfaki sicelo.
UNobhala weNkundla ePhakamileyo kufuneka afake ikopi yesicelo kumgcini wesigulane osemthethweni, apho umfaki sicelo angenguye umgcini wesigulane osemthethweni. Umgcini wesigulane osemthethweni kufuneka phakathi kweentsuku ezingama-30 okufumana isicelo anikezele ingxelo ebhaliweyo kwijaji kumagumbi ejaji kwaye kule ngxelo kufuneka-
a kuthiwe thaca kwaye kufakwe imbali kunye nengxelo ngobume bempilo yengqondo yesigulane sikaRhulumente evela-
i kumphathi weziko lempilo elityunjiweyo apho isigulane sikaRhulumente besigcinwe khona;
ii kwabasebenzi ngempilo yengqondo ababini omnye wabo abengugqrirha abe ngugqirha wezigulana zengqondo.
b kubekho ingxelo yegosa eliqeqeshelwe kwinzululwazi ngezengqondo, ukuba isigulane sikaRhulumente besikhe sadibana negosa elo;
c kubobakaliswe ukuba besikhe safakwa na isicelo sokukhululwa kwisithuba senyanga ezingama-12 ezingaphambi koku kunye nesimo sesosicelo, kunye d kwenziwe nengcebiso sokuba ingaba esisicelo kufaneleke siphunyezwe na kunye nezizathu ezisisiseko soko.
Ekuqwalaseleni kwayo isicelo, yijaji kwigumbi lejaji-
a kufuneka iqinisekise ukuba akukhange kubekho esinye na isicelo sokukhululwa kwesigulane sikaRhulumente esichaphazelekayo esinikwa umqwalasela okanye esikhe saphononongwa kwisithuba seenyanga ezili-12 ezingaphambili, apho ke isicelo ekubhekiswa kuso kwicandelwana 3 sakuchithwa;
b kufuneka iqinisekise ukuba umgcini sigulane osemthethweni akanamdla uphikisana nowesigulane sikaRhulumente, apho ke kufuneka kuchongwe ugosa lezomthetho ukuba ancedise ukuqwalaselwa kwesicelo esi; kwaye c ingafuna olunye ulwazi kunye noncedo kumfaki sicelo, umsebenzi wempilo yengqondo okanye umgcini ojongene nesigulane esi, njengoko kungayimfuko ukuze kuqwalaselwe isicelo esi
Ligosa lezomthetho olichongwe ngokwecandelwana 4b kufuneka-
a livelise nabuphina ubungqina obukhoyo obungqalene nesi sicelo;
b lenze imisebenzi noxanduva njengoko liyalelwe yijaji kwigumbi lejaji ngokungqalene nokuqwalaselwa kwesi sicelo;
c ahlawulwe liSebe likaZwelonke elijongene nezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko ngokwemiqathango yamanqwanqwa entlawulo nezibonelelo ezimiselwe umsebenzi ololu hlobo, njengoko zimiselwe nguMphathiswa owongamele ezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko.
Ekuqwalaseleni esi sicelo, iijaji kwigumbi lejaji inganika umyalelo wokuba isigulane sikaRhulumente-
a masihlale sisigulane sikaRhulumente;
b masihlelwe ngokutsha sithathwe njengesigulana esamkela unyango ngokuzithandela, ibe sisigulane esincediswayo okanye esinyanzelwayo ukuba sisebenzise inkathalelo yempilo yengqondo ngokwe Sahluko V;
d masikhululwe phantsi kwemiqathango ethile.
Ngokwenjongo zeli candelo "igosa lomthetho" lithetha igqwetha okanye igqwetha lejaji elinelungelo lokuvela kwiNkundla ePhakamileyo.
Ukukhululwa kwezigulana zikaRhulumente phantsi kwemiqathango ethile, ukuhlonyelwa kwemiqathango okanye ukurhoxiswa kokukhululwa phantsi kwemiqathango
 Apho kuthe isigulane sikaRhulumente sakhululwa phantsi kwemiqathango ethile njengoko kuchaziwe kumhlathi 47 (d), eso sigunyaziso masiyibeke elubala imiqathango leyo nexesha elibandakanyekayo.
Intloko yeziko lempilo apho isigulane sikaRhulumente sikhululwe phantsi kwemiqathango khona kufuneka-
a yenze ukuba inkqubela kwimpilo yesigulane sikaRhulumente ibekwe esweni lelo ziko lempilo; okanye b yenze amalungiselelo nelinye iziko lempilo ukuba libeke esweni isigulane sikaRhulumente, ukuba imiqathango yokukhululwa inyanzelisa ukuba isigulane sikaRhulumente siye kwiziko elo lempilo ukuze sifumane iinkonzo zenkathalelo, unyango kunye nokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo.
Umntu obeke esweni isigulane sikaRhulumente kufuneka afake ingxelo ebhaliweyo kwintloko yeziko lempilo apho isigulane sikaRhulumente besikhululwe khona-
a enxulumene nemiqathango kunye nemfuneko ezinxulumene nokukhululwa;
b rhoqo emva kweenyanga ezintandathu ukusuka kumhla wokunikwa komyalelo wokukhululwa phantsi kwemiqathango; kwaye c nasekupheleni kwexesha lemiqathango yokukhululwa kwesigulane sikaRhulumente.
Ukuba kuthe xa kuphela ixesha lemiqathango yokukhululwa umphathi weziko lempilo waneliseka ukuba isigulane sikaRhulumente siyithobele ngokupheleleyo imiqathango nemfuneko zokukhululwa kwaso kwaye nemeko yempilo yesigulane sikaRhulumente ayibuyelanga mva, uintloko yeziko lempilo kufuneka-
a isikhulule ngoko nangoko ngaphandle kwemiqathango isigulane sikaRhulumente; kwaye b ngokubhalwe phantsi, yazise isigulane sikaRhulumente, uNobhala ochaphazelekayo nomgcini wesigulana osemthethweni.
Ukuba uthe emva kokuqwalasela nayiphi ingxelo ngokwecandelwana 3 intloko yeziko inesizathu sokukholelwa ukuba-
a Isigulane sikaRhulumente asiyithobelanga ngokupheleleyo imiqathango nemfuneko zokukhululwa ezinxulumene nokukhululwa kwaso; okanye b imeko yempilo yengqondo yesigulane sikaRhulumente ibuyele umva, uintloko yeziko lempilo ingafaka isicelo kuNobhala weNkundla Ephakamileyo sokuba kugunyaziswe ukuhlonyelwa kwemiqathango okanye ukurhoxiswa kokukhululwa phantsi kwemiqathango, athumele ikopi yeso sicelo kumgcini wezigulana osemthethweni.
Isigulane sikaRhulumente ebesikhululwe phantsi kwemiqathango ethile nangaliphina ixesha kweenyanga ezintandathu ukusuka kusuku lokunikwa komyalelo kwaye amva koko kwiziqanaqwana ezikwisithuba esingekho ngaphantsi kweenyanga ezintandathu, sifake isicelo ngendlela emiselweyo, sicele ijaji kwigumbi lejaji elichaphazelekayo ukuba-
a ihlaziye nawuphina umqathango onxulumene nokukhululwa;
Esi sicelo kuthethwa ngaso kwicandelwana 6 kufuneka sithi thaca-
a lo mqathango kufuneka uhlaziywe;
c Isizathu zohlaziyo okanye ukurhoxiswa kokukhululwa phantsi kwemiqathango.
AMABANJWA AGULA NGENGQONDO
Ukumiselwa kwamaziko empilo ukuba angawamabanjwa agula ngengqondo
Intloko yesebe kazwelonke kufuneka ngokuvumelana neentloko zamasebe amaphondo, imisele amaziko empilo okunika inkonzo yokwamkela, akhathalele, anyange, abuyisele kwisimo sesiqhelo amabanjwa agula ngengqondo.
Uphando ngesimo sempilo yengqondo yebanjwa
 Ukuba kubonakala kwintloko yentolongo ngokuqwalasela okanye ngokufumana ulwazi olubonisa ukuba kukho ibanjwa elithile ligula ngengqondo, kufuneka intloko yentolongo leyo yenze ukuba kuphandwe imeko yempilo yengqondo yebanjwa elo-
a ngugqirha wezigulo zengqondo; okanye b ukuba akafumaneki ugqirha wengqondo kucelwe-
i ugqirha wezigulo jikelele; kunye ii igosa eliqeqeshelwe ukujongana nenkathalelo yempilo yengqondo.
Umntu owenza uphando kufuneka abhale ingxelo ebhalwe phantsi ayinike umphathi wentolongo, kulo ngxelo kufuneka acacise -
a isimo sempilo yengqondo yebanjwa elo;
b uyilo lwenkathalelo, unyango kunye nokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo sebanjwa elo.
Ukukhathalelwa, ukunyanga nokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo yamabanjwa agula ngengqondo entolongweni
Ukuba umntu owenze uphando oluxelwa kwicandelo 50 ufumanise okokuba isigulo sengqondo sebanjwa elibanjiweyo, likuhlobo lokuba ibanjwa ekuthethwa ngalo kufuneka likhathalelwe ngokufanelekileyo linyangwe, kwaye libuyiselwe kwisimo sesiqhelo sempilo kwalapho entolongweni, umphathi wentolongo kufuneka athathe amanyathelo afanelekileyo nakumgangatho owamkelekileyo ukuze elo banjwa lifumane ukukhathalelwa, ukunyangwa nokuphuculwa kwesimo sempilo yalo.
Uphando lwakwaMantyi olunxulumene notshintshelo kumaziko empilo amiselweyo
 Ukuba umntu owenza uphando ekuthethwa ngalo phaya kwicandelo lama-50 ufumanisa ukuba isimo sengqondo yebanjwa sikwimeko yokuba sikahthalelwe, sinyangelwe kwiziko lempilo elimiselwe ngokwemigaqo yecandelo lwama-49, intloko yentolongo kufuneka icele ukuba uMantyi agunyazise olunye uphando ngesimo sempilo yebanjwa nokuba kufanelekile na ukuba atshintshelwe kwiziko lempilo elimiselwe ngokwemigaqo yecandeli lama-49.
UMantyi kufuneka agunyazise amagosa ajongene nempilo amabini ekukho kuwo elingugqirha wezigulo zengqondo, igosa eliqeqeshelwe ukuphonononga isimo sengqondo okanye ugqirha jikelele onoqeqesho lobungcali olubhekiselele kwizigulo zengqondo ukuba ajonge impilo yengqondo yebanjwa. La magosa makacebise ukuba ingaba kufanelekile na ukuba ibanjwa elo litshintshelwe kwiziko lempilo elimiselwe ngokwemigaqo wecandelo lama-49.
Ukuba la magosa empilo acebisa ukuba-
a ibanjwa maliye kukhathalelwa, linyangwe, kwaye libuyiselwe kwisimo seseqhelo sempilo kwiziko lempilo elimiselwe ngokwecandelo lama-49, uMantyi makakhuphe isigunyaziso esibhaliweyo axelele umphathi wentolongo ukuba makatshintshele ibanjwa kwiziko lempilo, alandele imigaqo yenkqubo edweliswe kwicandelo lama-54; okanye b ibanjwa akufuneki likhathlelwe kwaye linyangelwe kwiziko lempilo elimiselwe ngokwecandelo lama-49, koko linokukhathalelwa kwaye linyangelwe apho entolongweni apho afumana ugcino khona, uMantyi makakhuphe isigunyaziso esibhalwe phantsi kwintloko yentolongo ukuba ithathe amanyathelo afunekayo ukuqinisekisa ukuba imigangatho yenkathalelo kunye nokunyangwa kwibanjwa elinxulumene noko iya nikwa.
Inkqubo yokutshintshela amabanjwa agula ngengqondo kumaziko amiselweyo
 Akuba esifumene isigunyaziso esibhaliweyo nesixeliweyo kwicandelo wama-52 (a) umphathi wentolongo kufuneka athumele ikopi yesigunyaziso-
a kumlawuli jikelele, ukuba ukho oqeshiweyo;
b nakwintloko yeSebe kaZwelonke, eso sigunyaziso sihambe nesicelo sokuba ibanjwa ekuthethwa ngalo lamkelwe kwelo ziko limiselwe ngokwecandelo lama-49.
Intloko yeSebe kaZwelonke kufuneka ngoko nangoko-
a imisele iziko lempilo amele kutshintshelwa kulo umbanjwa;
b iqinisekise ukuba amalungiselelo otshintsho ayenziwa ukuze umbanjwa afakwe kwiziko lempilo elimiselwe ngokwecandelo lama-49; aze c azise ngokubhalwe phantsi umphathi wentolongo nomlawuli, ukuba ukho oqeshiweyo, ngeenkcukacha zolo tshintsho.
Intloko yentolongo kufuneka kwisithuba seentsuku ezili-14 esifumene isaziso sotshintsho, enze ukuba ibanjwa eligula ngengqondo litshintselwe kwiziko elalathiweyo
Xa utshintsho luqhutywa ngokwemiqathango yeli candelo, intlolko yeziko lempilo elamkela ibanjwa eligula ngengqondo-
a ithatyathwa bgokuba inelungelo ngokusemthethweni lokugcina ibanjwa ekulamkelweni kwakhe, kwakhona b unoxanduva logcino olukhuselekileyo lwebanjwa elo.
Ukutshintshwa kwamabanjwa agula ngengqondo phakathi kwamaziko empilo amiselweyo
 Intloko yeSebe likaZwelonke inganakho ukuyalela amaxesha ngamaxesha ukutshintshwa kwamabanjwa agula ngengqondo ukusuka kwiziko kwiaziko lempilo elimiselwe ngokwecandlo-49 ukuya kwelinye xa kukho imfuneko malunga nenkathalelo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
Nangona iSebe likaZwelonke limiselwe ngokwecandelo lama-53 2, iBhodi yokuHlola inganika umyalelo wokutshintshelwa kwelinye iziko elimiselwe ngokwecandelo lama 49 kwindawo enokhuseleko oluluqilima kuphela xa-
a ibanjwa eligula ngengqondo-
i likhe lazimela okanye lazama ukuzimela; okanye ii lenzakalise okanye linokwenzakalisa abanye abantu;
b kufunyanwe isicelo esibhaliweyo sivela kwintloko yeziko lempilo apho ibanjwa eligula ngengqondo ligcinwe khona, lichaza iinkcukacha ezibanga ukuba licele utshintsho.
IBhodi yokuHlola kufuneka ithumele ikopi yeso sigunyaziso kwintloko yeSebe kaZwelonke.
Intloko yeSebe kaZwelonke yona kufuneka ithi kwisithuba seentsuku ezili-14 isifumene isigunyaziso-
a ithathe isigqibo malunga neziko lempilo emakuthunyelwe kulo ibanjwa eligula ngengqondo; ize b iqinisekise ukuba amalungiselelo afanelekileyo ayenziwa kunye neziko elifanelekileyo ukuze kuphunyezwe utshintsho.
Intloko yeziko lempilo eligcinwe kulo ibanjwa eligula ngengqondo xa ifumana isivumelwano sentloko yeziko lempilo elinokhuseleko oluluqilima, inako ukutshintshela khona apho ibanjwa lo gama kusalindwe isigqibo seBhodi yokuHlola xa ngaba isimilo sombanjwa sinokudala okanye sidala imeko yonxunguphalo.
Xa ngaba utshintsho luphunyezwa ngokwelicandelo-
a lowo ugunyazisa utshintsho makazise umphathi wentolongo kwisithuba seentsuku ezili-14 amnike iinkcukacha zotshintsho; kunye b umphathi weziko lempilo owamkela ibanjwa eligula ngengqondo-
kuthathwa ngokuba uqala ukuba nelungelo ngokusemthethweni lokugcina ibanjwa ekulamkeleni kwakhe kuphela; kwakhona ii ukusukela apho uxanduva lokhuseleko lwebanjwa elo luba semagxeni akhe.
Ukuhlaziywa okuthe gqolo kwesimo sempilo yamabanjwa agula ngengqondo
 Umphathi weziko lempilo apho ibanjwa eligula ngengqondo ligcinwe khona kufuneka aqinisekise ukuba imeko yempilo yengqondo yomsebenzisi eso iza kuhlaziywa ngazo zonke iinyanga ezintandathu ukususela mhla saqala ukufumana unyango nokuphuculwa kwesimo sempilo yaso kwelo ziko.
Uhlaziyo lwesimo kufuneka-
a ludandalazise imeko yengqondo yebanjwa elo ligula ngengqondo;
b luthi thaca iziphakamiso ezifana-
i necebo zokukhathalela, ukunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yebanjwa eligula ngengqondo emayilandelwe;
ii nokubonisa ubulumko bokubuyisela ibanjwa eligula ngengqondo kwelo ziko lalivela kulo kuqala.
Umphathi weziko lempilo kufuneka enze isishwankathelo sengxelo yohlaziyo asithumele-
a kwiBhodi yokuHlola;
b kuMantyi ofanelekileyo;
c kumlawuli jikelele, ukuba ukho oqeshiweyo;
d nakwintloko yentolongo echaphazelekayo.
Kwisithuba seentsuku ezingama-30 siyifumene ingxelo yeBhodi yokuHlola-
a sisengathethana naye nabani na oneenkcukacha ngesimo sengqondo yebanjwa eligula ngengqondo;
b kufuneka senze iingcebiso ezibhekiselele-
i kwicebo lokukhathalela, ukunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yebanjwa eligula ngengqondo emayilandelwe;
ii nokubuyisela ibanjwa eligula ngengqondo kuloo ntolongo lalivela kuyo kuqala.
sithumele isaziso esibhaliweyo esineziphakamiso nezizathu zazo, kwibanjwa eligula ngengqondo, kumlawuli jikelele, ukuba ukho oqeshiweyo, kwintloko yeSebe kaZwelonke nakuMantyi ochaphazelekayo.
Ukuphila kwesimo sempilo yengqondo yebanjwa eligula ngengqondo
Ukuba umphathi weziko lempilo eligcinwe kulo ibanjwa eligula ngengqondo uyazibonela okanye ufumana iingxelo zokuba ibanjwa eligula ngengqondo liphile kangangokuba akusafuneki ukuba likhathalelwe, linyangwe okanye libuyiselwe kwesimo sesiqhelo sengqondo yakhe, okanye olo nyango angalufumanela entolongweni, umphathi lowo weziko lempilo kufuneka-
a abhale ingxelo efanelekileyo yokumkhulula;
b azise umphathi wentolongo ukuba ibanjwa lilungele ukukhululwa kwiziko lempilo ngoko ke amagosa entolongo makalilande; aze c abhalele uMantyi ofanelekileyo amazise naye.
Amabanjwa agula ngengqondo abaleka kumaziko empilo
 Ukuba ibanjwa eligula ngengqondo libalekile elugcinweni okanye umphathi weziko lempilo ukholelwa njalo kufuneka-
a ngoko nangoko abhalele iNkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika acele ukuba basifumane umsebenzisi eso, basibambe basibuyisele kwelo ziko lempilo sibaleke kulo; aze b athi zingekedluli iintsuku ezili-14 ewazisile amaPolisa aphinde abhalele, echazela uNobhala weNkundla efanelekileyo nomgcini osemthethweni wezigulana.
INkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika kufuneka yenze njengoko icelwa.
Ukuba ibanjwa eligula ngengqondo uthathwa njengonobungozi, umphathi weziko lempilo kufuneka awaxelele amaPolisa.
Ibanjwa eligula ngengqondo othe wabanjwa kufuneka agcinwe eluvalelweni ithuba elimiselweyo phambi kokubuyiselwa kwiziko lempilo.
Ilungu leNkonzo YamaPolisa oMzantsi Afrika linokusebenzisa amalinge afanelekileyo ekuthinteleni ukuphazanyiswa komsebenzi wawo xa ebamba umsebenzisi esibalekileyo njengoko kuchazwa kweli candelo.
Inkqubo elandelwa ekupheleni kwexesha lokuvalelwa kwebanjwa eligula ngengqondo
 Lakufika ixesha lokukhululwa kwakhe entolongweni okanye kwiziko lempilo elimiselwe ngokomhlathi wama-49, ibanjwa eligula ngengqondo kufuneka likhululwe ngokuhambelana nemahlathana no .
Kwisithuba seentsuku ezingama-90 phambi kokufika komhla wokukhululwa entolongweni, makwenziwe isicelo ngokwesimiselo esikwiSahluko V kumphathi weziko lempilo ukuba ibanjwa lize lifumane inkonzo yokongiwa, unyango nophuculo lwesimo sempilo njengesigulana esincediswayo esinyanzelwayo okanye esizithandelayo ukwamkela unyango
Kwisithuba seentsuku ezingama-30 phambi kokukhululwa kwebanjwa, kungenziwa isicelo kuMantyi apho kucelwa ukuba ahlale eluvalelweni kwiziko lempilo ibanjwa eligula ngengqondo kude kwamkeleke isicelo esenziwe ngokwale ndlela ilapha ku2 ngentla.
UKULONDOLOZA NOKULAWULA IZINTO ANAZO UMNTU OGULA
NGENGQONDO OKANYE UMNTU ONENGQONDO EBUTHATHAKA
KAKHULU
Ukutyunjwa komlawuli wokulondoloza nomlawuli wezinto anazo umntu ogula ngengqondo okanye umntu onengqondo ebuthathaka kakhulu
 UMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo unakho ukutyumba umlawuli omakalondoloze okanye umlawuli omakalawule izinto anazo umntu ogula ngengqondo okanye umntu onengqondo ebuthathaka kakhulu, emtyumba ngokuqwalasela-
a isicelo esifakwe ngokwemimiselo yomhlathi wama-60; okanye b emva kokuba iNkundla Ephakamileyo ikhuphe isigunyaziso kwakuba bekukho isibheno okanye uphando njengoko kuxelwa kwicandelo wama-60 okanye 61 ngokulandelelana kwawo, apho kubekwa ukuba umntu lowo akanakho ukuqhuba imicimbi yakhe engakwazi nokulawula izinto anazo ngoko ke kufuneka kutyunjwe umlawuli.
Umlawuli wezinto zomntu ogula ngengqondo okanye onengqondo ebuthathaka kakhulu unokutyunjwa kuphela xa imiqathango ebekwe kwicandelo wama-60 okanye 61 ilandelwe kakuhle.
Isicelo esiya kuMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo sokutyumba umlawuli
 Nabani na oneminyaka engaphezulu kwe-18 angasifaka isicelo kuMlawuli-mafa owongameli weNkundla Ephakamileyo ecela ukuba kutyunjwe umlawuli womntu ogula ngengqondo okanye onengqondo ebuthathaka kakhulu.
Isicelo eso masibhalwe, sifungelwe okanye sibe phantsi kwesingqinisiso esindilisekileyo, kwaye kufuneka-
a sixele unxulumano oluphakathi komenzi wesicelo naloo mntu-
i ukuba umfaki sicelo akangomyeni/nkosikazi okanye isizalwane saloo mntu masixele isicelo ukuba kutheni bengasifakanga nje isicelo aba babaliweyo apha;
ii ukuba abakwazi kufumaneka ukuze bafake isicelo ngokwabo ingaba kuthathwe manyathelo mani na ukuba bafunyanwe phambi kokufakwa kwesi sicelo;
b sifake zonke iingxelo neziqinisekiso zokugula ngengqondo kwaloo mntu kanti kudandalaziswe nezizathu ezixhasa uluvo lokuba akakwazi kulawula izinto anazo loo mntu;
c sibonakalise ngokucacileyo izizathu ezixhasa ukuba kutheni ocelayo ecinga ukuba loo mntu akakwazi kulawula izinto anazo;
d sixele ukuba umceli ebekhe wambona loo mntu kwiintsuku ezisixhenxe ezidluleyo;
e sixele iinkcukacha zaloo mntu, uqikelelo lwexabiso lezinto anazo loo mntu, nengeniso ayizuzayo ngonyaka;
f sinike iinkukacha zabantu abanokucacisa abo ngaphezulu ngesimo sengqondo yaloo mntu nalapho banokufumaneka khona.
Umfaki wesicelo makabonise ubungqina bokuba umnikile ikopi yesicelo lo mntu kuthiwa ugula ngengqondo.
Umlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo unokuthi akuba esiqwalasele isicelo-
a atyumbe umlawuli wethutyana okweli xesha kusenziwa uphando ekubhekiswa kulo kwicandelwana 5; okanye b atyumbe umlawuli ngaphandle kokwenza uphando ukuba-
i uqikelelo lwexabiso lwezinto anazo lubonisa ukuba lingaphantsi kwixabiso elisisimiselo; kwaye ii wanelisekile ukuba ukhona umhlaba wokutyumba umlawuli.
Umlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo kufuneka ukuba athi zingekapheli iintsuku ezingama-30 esifumene isicelo avule indlela yokuba luqale uphando ngokufaneleka kwesi sicelo, oko kusenziwa ngumntu oqeqeshelwe oko, ukuba-
a izinto ezithile ezithethwayo kwisicelo zifuna ubungqina;
b kukho ezinye iinkcukacha ezifunekayo ukuxhasa isicelo; okanye c ixabiso lezinto anazo liqikelelwa ukuba lingaphezulu kwesixa esingummiselo.
Umntu oqhuba uphando-
a kufuneka azingqinisise zonke izityholo neenyaniso ezibekwe kwisicelo axelele umfaki sicelo okanye ummeli wakhe wasemthethweni ukuba aphendule izinto ezithile;
b unakho-
i ukugunyazisa nabanina ukuba avele phambi kwakhe enika ubungqina okanye eze namaxwebhu angqamene neso sicelo;
ii nokuphanda ngemeko yezimali zaloo mntu; ukuze c afake ingxelo yophando lwakhe kuMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo.
Uphando kufuneka lugqitywe kwisithuba seentsuku ezingama-60 luqaliwe, ukuba kunzima ukulugqiba uMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo makanike imvume yokolula elo xesha.
Yakuba iphumile ingxelo, uMlawuli-mafa makathi kwisithuba seentsuku ezili-14 eyiqwalasele-
a atyumbe umlawuli;
b ale ukutyumba umlawuli; okanye c awudlulisele lo mcimbi ukuze uphononongwe yiJaji yeNkundla Ephakamileyo kumagumbi ayo.
Umlawuli-mafa kufuneka ambhalele umntu ogula ngengqondo amazise ngezigqibo zakhe nezizathu zazo.
Umfaki sicelo okanye umntu ogula ngengqondo uvumelekile ukuba abhene zingekedluli iintsuku ezingama-30, loo nto eyenza ngokuqala abhale isaziso sokubhena asithumele kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo kumagumbi ayo, athumele nekopi kuMlawuli-mafai ebeka imihlaba yeso sibheno.
Ukuba uMlawuli-mafa usidlulisele kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo isicelo, okanye ufumene ikopi yenjongo yesibheno, kufuneka ukuba athi zingekedluli iintsuku ezili-14 athumele kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo kumagumbi ayo ikopi-
a yesicelo;
b isishwankathelo sezinto azifumanisileyo;
c ingxelo yophando ngokwemigaqo yecandelwana 5, ukuba belwenziwe;
d izizathu zokusala isicelo okanye zokusidlulisela kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo kumagumbi ayo;
e yesaziso senjongo yokubhena, ukuba sikho.
a iqwalasele isicelo okanye isibheno ngendlela efanelekileyo, kuqukwa nokunika ithuba lokuba aba balandelayo banike ubungqina obubhaliweyo okanye bomlomo:
i obhenayo okanye ofaka isicelo;
ii amagosa ezigulo zengqondo azimeleyo, ukuba akho;
iii nentloko yeziko lempilo elichaphazelekayo;
b yenze iziphakamiso;
c ithumele isaziso esibhaliweyo kuMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo, intloko yeSebe lePhondo nabantu abadweliswe kua apha ngentla.
UMlawuli-mafa kufuneka athi zingekedluli iintsuku ezingama-60 echazelwe ngeziphakamiso zeJaji yeNkundla ePhakamileyo kumagumbi ayo, enze ukuba kuqaliswe uphando lokufumana umlawuli ofanelekileyo ukuze atyunjelwe loo mntu ugula ngengqondo.
Iindleko zophando olalathwe kwicandelwana 5 nele 13 kufuneka-
a ziphume kwilifa lalo mntu ugula ngengqondo kanti ukuba uMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo ucinga ukuba isicelo sibubuvuvu obucaphukisayo zakuphuma kumfaki sicelo; kwaye b ziya kubalwa nguMlawuli-mafa'emva kokucebisana kunye nomntu oqhuba uphando.
Iingcebiso malunga nokutyunjwa komlawuli yiNkundla Ephakamileyo ngexesha lophando okanye lokuqhutywa kwetyala
 Ukuba iNKundla Ephakamileyo ithe ngeli xesha iqhuba uphando ngkwaloMthetho okanye iqhuba inkqubo zasemthethweni, yanesizathu sokukholelwa ukuba umntu ekuphandwa ngaye okanye inkqubo yomthetho iqhutywayo ngaye akanakukwazi ukulawula izinto anazo, iNkundla ePhakamileyo inokuthi njengenxalenye njengenxalenye yophando okanye yenkqubo yomthetho, iqale uphando ngesimo sengqondo saloo mntu okanye ukukwazi kwakhe ukulawula izinto anazo.
INkundla Ephakamileyo inakho ukuthi ngeli xesha iqhuba uphando ifune ubungqina obungaphaya nakubani na ongqalene noku kungayimfuneko ngenjongo zokuqinisekisa isimo sempilo yengqondo yalo mntu ekumalunga naye kunye nesakhono anaso sokulawula izinto zakhe.
Ukuba kuthe emva kophando iNkundla Ephakamileyo ifumanisa ukokuba isimo sempilo yengqondo yomntu ekumalunga naye inembonakalo yokuba loo mntu anakho ukulawula izinto zakhe, iNkundla ePhakamileyo inga-
a phakamisa ukuba kutyunjwe umlawuli omakalawulele malunga nalowo uchaphazelekayo;
b ngokubhalwe phantsi yazise loo mntu kunye noMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo ngokufunyanisiweyo nangeziphakamiso nezizathu zoko.
UMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo makathi kwisithuba seentsuku ezingama-60 esifumene isaziso kwiNkundla Ephakamileyo-
a enze ukuba kuqhutywe uphando-
i kuqikelelo lwexabiso lezinto anazo loo mntu, nengeniso ayizuzayo ngonyaka;
ii kwenziwe ilinge lokufumana umntu ofanelekileyo ukuchongwa njengomlawuli walowo uchaphazelekayo; ukuze b kutyunjwe umlawuli ukuba ixabiso elithelekelelwayo kunye nengeniso yanyaka yomntu ovhaphazelekayo ingaphantsi kwesixa esimiselweyo.
Iindleko zophando oluxelwa kwicandelwana 4 kufuneka-
a ziphume kwilifa lalo mntu ugula ngengqondo;
b zibalwe nguMlawuli-mafa emva kokucebisana nalowo uqhuba uphando.
Ukungqinwa kokutyunjwa komlawuli
Ukutyunjwa komawuli kuqala kumhla apho uMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo etyikitya isaziso esisemthethweni solo tyumbo.
Amagunya nemisebenzi yabalawuli nezinye izibonelelo ezintlobo-ntlobo ezibhekiselele kutyumbo lwabalawuli
 (a) umlawuli kufuneka athi kwisithuba phambi kokuba uMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo atyikitye isaziso esisemthethweni sokutyunjwa anikezele ngesiqinisekiso sokubambisa kuMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo, siqinisekiso eso sisisixa esiqingqwa nguMlawuli-mafa.
b UMlawuli-mafa unokuthi xa umlawuli enika izizathu ezivakalayo-
i alithobe ixabiso lesiqinisekiso sokubambisa;
ii okanye ayeke ukusibiza esi siqinisekiso.
Ukuba uMlawuli-mafa nangaliphina ixesha-
a ufumanisa ukuba umlawuli uyathinjwa okanye ingathi uza kuthinjwa;
b okanye unesizathu sokukholelwa ukuba kungaluncedo kulo mntu otyunjelwe umlawuli, anga-
i ndisa imali yesiqinisekiso sokubambisa emayihlawulwe ngumlawuli;
ii tyumba umlawuli obambiseneyo ukuze zonke izenzo eziphathelele kwilifa lalowo uchaphazelekayo kufuneka zenziwe ngesivumelwano sabo bobabini abalawuli.
Umlawuli unamagunya nomsebenzi woku-
a londoloza nokulawula izinto zalo mntu uthile atyunjelwe yena, enze yonke imisebenzi enxulumene noku;
b aphathe nayiphina micimbi okanye izithembiso zalo mntu phantsi kwayo nayiphina eminye imithetho.
Umlawuli-
a akanakudlulisa ubunikazi okanye abambise ngezinto ezingagungqiyo zalo mntu amlawulelayo ngaphandle kokuba ugunyaziswe ngumyalelo wenkundla okanye unemvume yoMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo;
b inkosikazi/umyeni wakhe, umntwana, umzali, umlingane, iqabane okanye ummeli abanakuthenga okanye bafumane naziphi na izinto zalo mntu ngaphandle-
kufumana imvume kuMlawuli-mafa ofanelekileyo, okanye;
ii kokuba intengo okanye uzikufumana kubhalwe phantsi kwagunyaziswa ngokwasemthethweni nguloo mntu phambi kokuba umlawuli atyunjwe.
Akuba etyunjiwe umlawuli kufuneka ngoko nangoko ahlawule zonke iimali ebezifunyenwe egameni laloo mntu onyulelwe yena kwizandla zoMlawuli-Mafa weNkundla Ephakamileyo echaphazelekayo ngaphandle kokuba-
a adlulise zonke iimali ezijongene nalo mntu amlawulelayo kuMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo, ngaphandle kokuba-
i uMlawuli-mafa unike umyalelo ongomnye;
ii uxwebhu olusemthethweni lwalo mntu olwenziwe phambi kokonyulwa komlawuli kunesigunyaziso esisesinye; okanye iii imali efunekayo ifunelwa aa ukuhlawula nawaphi amatyala;
cc ukondla okanye ukufundisa loo mntu okanye abaxhomekeke kuye;
Ukupheliswa komlawuli
 Ixesha legunya lomlawuli otyunjwe ngokwalo Mthetho lifikelela esiphelweni kuphela emva kokuqwalaselwa kwesicelo esenziwe-
a ngulo mntu ebetyunjelwe umlawuli;
b ngumlawuli;
c ngumntu obefake isicelo sokutyunjwa komlawuli emalunga noko.
Isicelo kufuneka-
a sibhalwe ngokohlobo lwengxelo efungelweyo;
b sithunyelwe kuMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo;
c siqulathe-
i izizathu esusekwe kuso isicelo eso;
ii zonke iingxelo kunye neziqinisekiso zempilo yengqondo yaloo mntu ezimalunga nesimo sempilo yengqondo yalo mntu emva kokuba etyunjelwe umlawuli;
iii uqikelelo lwexabiso lezinto anazo loo mntu ngeli xesha kufakwa esi sicelo.
UMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo kufuneka athi zingekapheli iintsuku ezili-14-
a akuphelise ukutyunjwa komlawuli;
b asilandule esi sicelo;
c asibhekise kwiJaji yeNkundla ePhakamileyo kumagumbi ayo.
Ukuba uMlawuli-mafa usiphelisile okanye usilandule esi sicelo kufuneka ambhalele obefake isicelo amnike nezizathu zokusilandula eso sicelo.
Ukuba uMlawuli-mafa uyasilandula isicelo okanye , angafuni nokusidlulisela kwiJaji efanelekileyo, umfaki sicelo unakho ukuba athi kwisithuba seentsuku ezingama-30 esifumene isaziso ekuthethwa ngaso apha ku4 ngentla, abhene-
a ngokuthi abhale isaziso senjongo yokubhena asithumele kwiJaji yeNkundla ePhakamileyo kumagumbi ayo;
b abeke izizathu zokubhena;
c anike uMlawuli-mafa ikopi yesi saziso.
UMlawuli-mafa weNkundla ePhakamileyo kufuneka athi nje kwiintsuku ezili-14 esifumene isaziso sokubhena ngokuchazwe kwicandelwana 5 okanye emva kokuba edlulisele isicelo kwiNkundla ePhakamileyo, afake kule Nkundla ikopi-
a yesicelo;
b isishwankathelo esibhaliweyo sezinto azifumanisileyo;
c izizathu zokusikhaba isicelo okanye zokusidlulisela kwiNkundla ePhakamileyo ukuba kunjalo;
d isaziso sesibheno, kwimeko yesibheno.
INkundla ePhakamileyo kufuneka ithi kwisithuba seentsuku ezingama-30 iyifumene imbalelwano efanelekileyo-
a iqwalasele eso sicelo okanye isibheno ngendlela emiselweyo ukuba kunjalo;
b inike ithuba -
i umbheni;
iii amagosa empilo azimeleyo ukuba akho; kunye iv nentloko yeziko lempilo elimiselweyo;
c yazise ngokubhalwe phantsi umbheni, umlawuli, intloko yeziko lempilo, nentloko yeSebe lePhondo elichaphazelekayo ngezigqibo zayo nezizathu.
Ukulawulwa kwezinto zomntu ogula ngengqondo okanye umntu ongqondo inobunzulu okanye ubukhali obungaphaya
Ukongeza kwesi Sahluko kukho ezinye izibonelelo ezikwimihlathi yama-75, 78, 79, 83, 84, nama-85 zoMthetho Wokulawulwa Kwamafa we-1965 (Umthetho Nomb. 66 ka-1965), ezinotshintsho olufunekayo ziya sebenza kuye nawuphi na umlawuli ochongelwe ngokumalunga nomntu ogula ngengqondo.
IMIGAQO
Imigaqo
 UMphathiswa unokuthi emva kokuba ethetha-thethane nawo onke amalungu achaphazelekayo esiGqeba esiLawulayo, enze imimiselo malunga-
a neenkqubo zotyando nezonyango nokuthomalaliswa kweentlungu kubasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo;
b ukusekwa komgangatho onguwo kunye nesithethe sokukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo;
c ukusekwa kwendawo zokhuseleko oluluqilima lwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo;
d ukwenziwa ikheswa kwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo kunye nokusetyenziswa koomatshini ukunqanda ubundlongondlongo;
e ukusekwa kwamaziko okugcina izigulana zikaRhulumente namabanjwa agula ngengqondo;
f abantu abaphantsi koqwalaselo, uvalelo, ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yabo abathunyelwe yinkundla yamatyala kumaziko empilo;
g ukukhawulezisa ukuqwalasela izicelo ekuthethwa ngazo kwiSahluko V;
h ukusekwa kwamaziko okonga abantwana, ulutsha, abantu abadala ukuphakamisa umgangatho wendlela abamkelwa ngayo kula maziko, ukukhathalelwa, ukunyangwa nokuphuculwa kwesimo sempilo yabo;
i ukusekwa kunye nokuphunyezwa kweenkqubo zemfundo kulungiselelwa abasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo bekumaziko empilo amiselweyo;
j ukukhululwa okanye ukunikwa ikhefu kwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo bakuphila okanye ngokwezicelo zabatshate nabo okanye amaqabane abo;
k utshintsho, ukufuduswa nokuthuthelwa kwabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo kunye nokuncediswa ngamalungu amagosa eNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ekuphumeleliseni uthutho okanye utshintsho kunye nemiqathango ehamba nokuthutha okanye ukutshintsha;
l iincwadi neenkcazelo ngeenkcukacha zabasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo emazigcinwe kumaziko empilo, kuqukwa neengxelo zenkcitho nengeniso, izicatshulwa, iikopi, izaziso, nawo onke amaxwebhu anolwazi omaluthunyelwe kuMphathiswa;
m ukuhlawulwa kweendleko zokugcinwa kakuhle kunye nenkcitho ezenzekileyo ngokumalunga neenkonzo zothutho,uvalelo, ukukhathalelwa, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo sakhe nawuphi na umsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo kumaziko zempilo ezimiselweyo ezilawulwa phantsi koRhulumente;
n ukuqikelelwa kwexabiso lezinto anazo nengeniso yonyaka yomntu ogula ngengqondo okanye ongqondo ibuthathaka kakhulu nekufuneka atyunjelwe umlawuli;
o ukugunyaziswa nokukhutshwa kwamaphepha-mvume amaziko empilo aphantsi koncedo lukaRhulumente, azimeleyo okanye aphantsi kwamaqumrhu angengowaseburhulumenteni, anika iinkonzo zenkathalelo, ukunyangwa kunye nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo kunye nemfuneko emazinamathiselwe kolo gunyaziso okanye isiqinisekiso;
p imiba ephathelele kumagunya, imisebenzi, izikhokelo zokusebenzisa la magunya nemisebenzi kunye nokunika ingxelo yezibophelelo zeBhodi yokuHlola lokunika;
q ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo yabasebenzisi benkathalela zempilo yengqondo abanezifo ezosulelayo okanye izifo ezisasazeka lula;
r ithuba apho abasebenzisi benkathalelo zempilo yengqondo banokuthi babe kugcino lwamaPolisa;
s nawo nawuphi na umcimbi ofunekayo okanye noyimfuneko ukuzalisekisa iinjongo zalo Mthetho.
Umongo wemimiselo
 Ummiselo owenziwe phantsi kwalo Mthetho unakho-
a ukunika amagunya noxanduva kubani, kwiqumrhu okanye iziphatha-mandla zoluntu;
b ukuqulatha imfuneko kwaye unike nezaphulelo; okanye c ungqalane -
a ukuseka njengokusegunyeni nasiphi na isicwangciso-nkqubo esipapashiweyo, inkqubo okanye uhlobo lokwenza izinto, nomgangatho ovunywe jikelele njengosegunyeni kwinkonzo zomsebenzi othile ochaphazelekayo; kunye b nokunyanzele nawuphina umntu okanye iqumrhu ukuba lithobele okanye lisebenze ngokweso sicwangciso-nkqubo, indlela yokusebenza okanye loo mgangatho umiselweyo;
Inkqubo yokwenza imimiselo
 UMphathiswa kufuneka phambi kokuba enze okanye ahlomele imimiselo phantsi kwalo Mthetho-
a akhuphe isibhengezo kwiGazette apho aya kuchaza injongo yakhe yokwenza imimiselo;
i ukuba imigaqo eyilwayo iqulunqelwe ukuze abantu banike izimvo zabo; kunye ii nalapho inokufumaneka khona imimiselo eyilwayo;
c anike ithuba elibuncinane buziintsuku ezingama-30 zokuba abantu banike izimvo zabo;
Nangaliphina ithuba phambi kokuba ikhutshwe imimiselo, iingxoxo kunye nengcebiswano nabantu abanomdla zingaqhutywa nalo naliphina iqela elinomdla.
Icandelwana 1 aliyichaphazeli le mimiselo ilandelayo-
a nawuphina ummiselo ofuneka ukuba wenziwe ngokungxamisekileyo ngenxa yonjongo yokunceda uluntu jikelele;
b ukulungiswa kweempazamo zokubhala.
Nawuphi na ummiselo ochaphazela ingxowa kaZwelonke okanye inkcitho kufuneka wenziwe emva kokuvisisana noMphathiswa ophethe ezemali.
Nawuphi na ummiselo ochaphazela iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika kufuneka wenziwe ngokukokuvisisana noMphathiswa owongamele ezokhuselo nokhuseleko.
Nawuphi na ummiselo ochaphazela umicimbi yemfundo kufuneka wenziwe ngokuvisisana noMphathiswa owongamele ezeMfundo.
Nawuphi na ummiselo ochaphazela miqathango neemfuneko zokuqeshwa komntu liSebe likaZwelonke, iSebe lePhondo, iqumrhu elelawula impilo kwisithili, kanti nawuphi na umgaqo odibene nemicimbi yokulawulwa kobudlelwane bengqesho kufuneka wenziwe ngokuvisisana noMphathiswa owongamele ezeNkonzo zoLuntu kunye noLawulo.
Nawuphi na ummiselo ochaphazela ukutyunjwa komlawuli kwakunye nezixa eziqingqiweyo zokuqeshwa koMlawuli-mafa weNkundla Ephakamileyo njengomlawuli, neemiqathango yalo ngqesho, kufuneka wenziwe ngokuvisisana noMphathiswa owongamele ezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
Imiqathango nokwaphulelwa okuqulathwe kwimimiselo
 UMphathiswa unakho ukuba nanini na akhuphe isibhengezo kwiGazette malunga naliphina iziko, umntu, iqumrhu okanye umbutho-
a amisele, ajike okanye arhoxise umqathango othile komnye kummiselo; okanye b agunyazise, ajike okanye arhoxise isaphulelo esikhoyo kummiselo.
UMphathiswa akanakho ukujika okanye ukurhoxisa umqathango okanye isaphulelo esenziwe phantsi kwalo Mthetho ngaphandle kokuba umntu okanye iziko elichaphazelekayo linikwe ithuba lokuhlomla ngaloo mba.
ISAHLUKO X
IZIBONELELO JIKELELE
Amatyala nezohlwayo
 Nawuphi na umntu othe-
a wagqwetha inkcukacha nakusiphina isicelo, ingxelo, ugcino lweenkcukacha, nakwisiqinisekiso;
b othintela okanye aphazamise omnye ekwenzeni umsebenzi wakhe;
c ongakhathaleli okanye ophatha kakubi umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo, ngayo nayiphina indlela ejongela phantsi okanye ovumela ukuba umsebenzisi aphathwe ngolo hlobo;
d oncedisa okanye okhuthaza ukuba umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo-
i azimele kwiziko lempilo apho agcinwe khona;
ii okanye angayithatheli ngqalelo inkathalelo, unyango nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo sempilo, okanye imiqathango yokuthatha ikhefu oknaye ukukhululwa phantsi kwemiqathango; okanye e owalayo ukunika iinkcukacha okanye onika ezibubuxoki kwigosa leNkonzo yamaPolisa omZantsi Afrika malunga nendawo akuyo umsebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo othe wazimela okanye othathwa ngokuba uzimele, phantsi kwalo Mthetho unetyalo lokwaphula umthetho
Nawuphina umntu ofunyenwe enetyala phantsi kwalo Mthetho ujongene ujungene nesohlwayo sokudliwa imali okanye ukuvalelwa ixesha elingadluliyo kwiinyanga ezintandathu okanye kuzo zombini isohlwayo sokudliwa imali okanye ukuvalelwa.
Ukusekwa kweekomiti zengcebiso nezobuchule
 UMphathiswa unakho ukumisela ikomiti ecebisayo okanye eyobuchule ngenjongo yokuphumeza iinjongo zalo Mthetho.
Ekumiseleni ezi komiti, uMphathiswa unokuthi, ngokommiselo, agqibe-
a ngokwakhiwa, imisebenzi, nendlela yokusebenza yekomiti;
b imiqathango, iimeko, intlawulo nezibonelelo ezinikwa amalungu ezo komiti ngemvisiswano noMphathiswa wezimali;
c nezinye izinto ezingqamane noku.
Ukwabiwa nokumiselwa kwamagunya nezigqibo
 (a) UMphathiswa unakho ukudlulisela ngokubhala phantsi, amagunya awanikwe ngulo Mthetho okanye eminye imithetho-
i nakubani na oqeshwe nguRhulumente; okanye ii kwiBhodi okanye iqumrhu elisekwe phantsi kwalo Mthetho, ngaphandle kwamagunya ekuthethwa ngawo kwicandelo lama-66.
b Ilungu elichaphazelekayo lesiGqeba esiLawulayo linakho ukuthi ngokubhalwe phantsi lidlulisele naliphina igunya elilinikwe nguloMthetho okanye uMphathiswa kuye nawuphina umntu okanye iqumrhu elikhankanywe kumhlathi a.
Umntu okanye iqurhu ekudluliselwe kulo amagunya angawasebenzisa ngokungaphantsi kwezokhokhelo zoMphathiswa okanye ilingu lesiGqeba esiLawulayo.
UMphathiswa okanye ilungu elichaphazelekayo lesiGqeba Esilawulayo linakho ukuba nanini na-
a lirhoxise ukudluliselwa kwamagunya okwenziwe phantsi kwecandelwana 1; okanye b lirhoxise, okanye lihlomele nasiphina isigqibo esenziwe xa bekudluliselwa loo magunya.
Isigqibo esenziwe ngokwamagunya adluliselweyo ngaphandle kokuba sirhoxisiwe okanye sihlonyelwe sithathwa ngokuba senziwe nguMphathiswa okanye ilungu lesiGqeba esiLawulayo elichaphazelekayoi, njengoko kunjalo.
Naliphi na ilungelo okanye isibonelelo esinikezelweyo okanye naluphi na uxanduva okanye indleko edaleke ngenxa yesigqibo esenziwe ngokwamagunya adluliselweyo achazwa kwicandelwana 1 akanakuchaphazeleka xa sesirhoxisiwe okanye sihlonyelwe eso sigqibo.
Isebe likazwelonke okanye isebe lephondo lingangena kwisigqibo nalo naliphina iqumrhu elingelolasebuRhulumenteni okanye nabo nabaphi na abanikezela beenkonzo babucala okanye bakawonke-wonke ngenjongo zokusebenzisa amagunya, nokwenza imisebenzi noxanduva phantsi kwalo Mthetho.
Ukurhoxiswa kwemithetho
 Imithetho ethiwe thaca kumqolo wokuqala nowesibini kwiShedyuli iyarhoxiswa ukuya kuthi ga koko kudweliswe kumqolo wesithathu weshedyuli.
Ukurhoxiswa oku akuwachaphazeli amalungiselelo ethutyana achazwe kwicandelo lama-74.
Amalungiselelo ethutyana
 Amalungiselelo ethutyana akweli candelo makafundwe athathwe njengezibonelelo ezimele lo Mthetho.
Nantoni na eyenziwe phambi kokuba uqale lo Mthetho phantsi kwemithetho erhoxisiweyo ithathwa ngokuba yenziwe phantsi kwalo Mthetho, kwaye iya kuqhubeleka inamandla njalo-
a ngaphandle kokuba iyaphikisana nalo Mthetho; okanye b ide ibe ibekwe ecaleni okanye irhoxisiwe.
Nayiphi na inkqubo emiliselwe okanye inkqubo eyenziwa ngokwemithetho erhoxisiweyo ngulo Mthetho mayiqhutywe ngokungathi lo Mthetho awukhange umiselwe.
Nawuphi na umntu obethathwa njengokuba uyazithandela ukufumana unyango ngokwemithetho erhoxisiweyo, makathi xa kuqala lo Mthetho alungiselelwe ngokwemigaqo yecandelo lama-25.
a Umntu othathwa njengesigulana esizithandelayo ngumthetho orhoxisiweyo, kulo Mthetho uthathwa njengomsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo oncediswayo, kwaye ngenjongo zecandelo 30 kufuneka ahlolwe kwinyanga ezintandathu.
b Uhlolo olwenziwe kwinyanga ezintandathu phambi kokuqala kwalo Mthetho luthathwa ngokungathi luhlolo lwenyanga ezintandathu phantsi kwecandelo 30.
a Umntu obenikwe umyalelo wokuvalelwa phantsi kwemithetho erhoxisiweyo ngulo Mthetho, uza kuthi xa kuqala kwalo Mthetho athathwe njengesebenzisi wenkathalelo yempilo yengqondo ongazikhethelanga ukuze ngenjongo zecandelo lama-37 kufuneka ahlolwe kwinyanga ezintandathu.
b Uhlolo olweinziwe kwiinyanga ezintandathu phambi kokuqala kwalo Mthetho luthathwa ngokungathi luhlolo lwenyanga ezintandathu ngokwecandelo 37.
a Nawuphina umntu othe ngemithetho erhoxiswe nguloMthetho wathathwa wathathwa njengesigulana sikaRhulumente okanye ibanjwa eligula ngengqondo, kufuneka xa kuqala lo Mthetho lilungiselelwe ngokweSahluko VI nese VII, ngokulandelelana kwaye ngenjongo zamacandelo 46 kunye nama-55 ngokulandelelana, bahlolwe kwiinyanga ezintandathu.
b Uhlolo olwenziwe kwiinyanga ezintandathu phambi kokuqala kwalo Mthetho luthathwa ngokungathi luhlolo lwenyanga ezintandathu ngokwamacandelo 46 kunye nama-55 ngokulandelelana.
Nasiphi na isiqinisekiso esikhutshwe phantsi kwecandelo lama-43 okanye lama-44 omthetho orhoxiswa ngulo Mthetho sisenamandla kwaye siyasebenza kodwa uhlala kwesisiqinisekiso asayi kwandiswa ngaphaya komhla wokuphelelwa kwaso.
Isihloko esifutshane nokuqalisa
Lo Mthetho ubizwa ngokuba nguMthetho weNkathalelo yeMpilo yeNgqondo ka-2002, kwaye uya kuqala ukusebenza ngosuku oluya kubekwa nguMongameli ngesaziso esiya kubhengezwa kwiGazette.
ISHEDYULI
IMITHETHO ERHOXISWAYO
Isihloko esifutshane
Ubungakanani bokurhoxiswa
UMthetho weMpilo yeNgqondo, 1973
Xa uwonke ngaphandle kwesahluko 8
UMthetho weMpilo yeNgqondo, 1981
Xa uwonke
UMthetho weMpilo yeNgqondo, 1985
Xa uwonke
UMthetho weMpilo yeNgqondo, 1986
Xa uwonke
IsiBhengezo soHlaziyo lweMpilo yeNgqondo, 1992 (Venda)
Xa uwonke
IMEMORANDAM YEENJONGO ZOMTHETHO OYILWAYO WENKATHALELO YEMPILO YENGQONDO
IMVELAPHI
Lo "mthetho uyilwayo" ufuna ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zenkathalelo zempilo yengqondo, ezonyango nezokulungisa isimo sempilo zenziwe zabanokufumaneka kubantu abaneengxaki zokugula ngengqondo, ngokulandela iindlela zempilo eziqhelekileyo.
Lo mthetho oyilwayo ukhuthaza kwaye ukhusela amalungelo abantu abaphazamiseke ingqondo uze uwalungelelanise la malungelo nalawo oluntu kwiimeko apho amalungelo abo anokuphazanyiswa ngumntu ophazamiseke ingqondo.
Lo Mthetho uya kurhoxisa uMthetho wezeMpilo yeNgqondo, wowe-1973 othathwa ngokubanzi ngokuba ushiywe lixesha kwaye, ngelinye icala awuhambisani noMgaqo-siseko. Umthetho oyilwayo ujonge kuphela iimeko zokonga impilo yengqondo kwaye ngoku ibizwa ngokuba nguMthetho weNkathalelo kweMpilo yeNgqondo ngokuphikisana nalo ukhoyo uMthetho weMpilo yeNgqondo othathwa ngokuba uthiywe ngendlela engachanekanga.
IINJONGO ZOMTHETHO OYILWAYO
Iinjongo zomthetho oyilwayo zixelwe kwicandelo 3. Iinjongo zezi-
a ukulawula imeko kenkathalelo yempilo yengqondo ngendlela apha ethi -
i yenze ukubonelelwa ngezona nkonzo ziphezulu zokukhathalela impilo yengqondo, ukunyanga nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo esinokufumaneka phantsi kwamancedo akhoyo;
ii ukwenza iinkonzo ezisebenzayo zenkathalelo kwempilo yengqondo, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo zifumaneke ngokulinganayo eluntwini, zisebenze kakuhle kwaye zilungele iimeko zomsebenzisi wenkathalelo zempilo yengqondo;
b ukunabisa amalungelo nezibophelelo zabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo kwakunye nezibophelelo zabo banikela ngenkathalelo zempilo yengqondo;
c ukulawula indlela yokufumana nokubonelela ngeenkonzo zokukhathalelwa kwempilo yengqondo, nokunyangwa kwaba-
i abasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo abancedwayo kunye nabazikhetheleyo;
d ukulawula indlela izinto ezizezezabo bagula ngengqondo nabagula ngengqondo kakhulu ezinokulawulwa ngayo yinkundla yomthetho.
UMONGO WOMTHETHO OYILWAYO
Isahluko 1 sibonelela ngeenkcazo-zamagama.
Isahluko II siphethe izibonelelo ezingundoqo. Esi sahluko sicacisa indima kaRhulumente ekunikezeni ngeenkonzo zempilo yengqondo. Sibonelela ngokuba nokufikelelwa okukhulu kunye nokuhlanganiswa kweenkonzo zempilo yengqondo kumanqanaba ahlukehlukeneyo okubonelelwa ngezempilo kunokuba kunjalo ngoku.
Isahluko III siquka amalungelo nemisebenzi ephathelene nempilo yengqondo.
Amalungelo ekuthethwe ngawo abandakanya-
b Ukuvuma ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sempilo sesiqhelo nokwamkelwa kumaziko ezempilo;
c Ukucalucalulwa okunomkhethe;
d Ukuxhaphaza nokuphathwa kakubi;
e Imimiselo ebhekiselele kwisimo sokuphila kwengqondo;
f okusekhusini;
g Izithintelo ekuthandaneni kwabantu abadala;
h Ilungelo lokumelwa;
i Ilungelo kwingxelo yokukhutshwa kunyango;
j Ulwazi lwamalungelo ngokupheleleyo.
Isahluko IV sibonelela ngokusekwa kweeBhodi zokuHlola iMpilo yeNgqondo.
Lo mthetho uyilwayo ubonelela ngokusekwa kweeBhodi zokuHlola iMpilo yeNgqondo kumaphondo ngenjongo yokuqinisekisa ukhuseleko lwamalungelo abantu abafakwa kwinkathalelo, unyango kunye nokubuyiselwa kwesimpo sesiqhelo ngaphandle kwemvume yabo.
Isahluko V simalunga nokukhathalelwa kwempilo yengqondo ngokuzithandela, ukuncediswa nokungazikhetheli.
a Esi sahluko silawula indlela egunyazisa ukukhathalelwa, ukunyangwa nokubuyiselwa kwesimo sesiqhelo.
b Kulo Mthetho uyilwayo, izigulana ezizikhethela ukunyangwa zibonwa kwaye ziphathwa ngokufanayo nabanye abantu abanezinye ingxaki zempilo.
c Kubekwa imigaqo yokungenisa kunyango nokunyangwa kwabantu abangakwaziyo ukuzithathela isigqibo ngenxa yokugula ngengqondo okanye ukusilela kwengqondo ezincediswayo. Oku kubandakanya ukwenziwa kwezicelo, ukuxilongwa komntu ngabasebenzi abakhathalela impilo yengqondo nokuhlolwa nokuzalisekiswa yiBhodi yokuHlola. Inkqubo yezibheno nokunika iingxelo ngamathuba athile nazo ziyabekwa.
d Ngokuphathelele nokukhathalelwa nokunyangwa okunyanzelekileyo kumiselwe iindlela ezikwafana nezo zisebenza kwizigulana "ezincediswayo". Ngaphezu koku, kubonelelwa nangovavanyo olwenziwa ngethuba leeyure ezingama72 olunokunceda umsebenzisi achache kwisigulo ngaphambi kokuba abotshelelwe kwisibhedlele sengqondo. Isigqibo seBhodi yokuHlola sithunyelwa kwiJaji ukuba iphinde isiqwalasele ngokungaphaya.
e Esi sahluko sikwathetha ngendawo zokhuseleko oluluqilima ezithi maxa wambi zifuneke kubantu abagula ngengqondo.
Esi sahluko simalunga nabantu abamiswe yinkundla njengabantu abangekho kwisimo sokumela ityala. Kubekwa imiqathango yokutshintsha umguli ukusuka kwiziko lokugcinwa, ukucela ikhefu, iingxelo ngamaxesha athile ukuya kwinkqubo zokukhululwa.
Isahluko VII sithetha ngamabanjwa agula ngengqondo.
Ukuba ibanjwa lithi ligule ngengqondo kangangokuba kufuneke litshintshelwe kwisibhedlele sabagula ngengqondo, oku kungenziwa emva kokulandela iinkqubo ezininzi. Ukubuyiselwa entolongweni okanye ukukhululwa emva kokuphela kwexesha lesigwebo nazo kuthethiwe ngazo.
Isahluko VIII sibonelela ngokhathalelwa nokulawulwa kwezinto zomntu ogula ngengqondo okanye umntu onokusilela okukhulu kwengqondo. Kubonelelwa nangomawuli ekufuneka atyunjwe ukuba alawule kwaye aphathe izinto ezizezomntu ogula ngengqondo xa kukho imfuneko yoku.
UMphathiswa, emva kokuthethathethana nabaPhathiswa abafanelekileyo bamaphondo unokukhupha imimiselo emalunga nenani lemicimbi, ebandakanya-
a iinkqubo zotyando okanye ezonyango okanye ukuphilisa;
b izithethe nemigangatho;
d ukunikwa imali kwimibutho engasiyiyo ekarhulumente; kunye e nokunikwa amaphepha-mvume kwindawo.
Esi sahluko sinika nenkqubo enokulandelwa xa kuphunyezwa imimiselo.
Isahluko X sithetha ngezibonelelo jikelele.
Esi sahluko simalunga nolwaphulo-mthetho nezohlwayo; ukusekwa kweekomiti zobuchule; ukunikwa nokwabiwa kwamagunya; imithetho erhoxiswayo namalungiselelo okutshintsha.
Ezinye inguqulelo ezibalulekileyo kulo Mthetho zibandakanya-
a Ukuguqulwa kwesihloko soMthetho.
b Ukongezelelwa kwesahluko esimalunga namalungelo ezigulana. Esi sahluko sibaluleke kakhulu nanjengoko abantu abagula ngengqondo besacalucalulwa kwaye bengakhuselwa ngokwaneleyo ngumthetho.
c Ukufakelwa kodidi lo "msebenzi wenkathalelo yempilo yengqondo". Oku kuya kuvumela ukufikeleleka okukhulu kwiinkonzo ezininzi zempilo yabagula ngengqondo. Iya kuqinisekisa kanjalo ukuba imisebenzi yempilo yengqondo iqhutywa ngabantu abanakho kwaye abakufundeleyo oko.
d Kongezelelwe "iBhodi yokuHlola iMpilo yeNgqondo". Oku kuya kukhusela izigulana ekubeni zingafane nje zibeselugcinweni ngaphandle kwesizathu. Oku kuthetha ukuba kuyashenxwa kwisiqinisekiso sikamantyi esithi sisetyenziswa ngaphandle kokuphikiswa ngumantyi kuyiwa kwiBhodi ebandakanya umntu wasemthethweni onokuba ngumantyi, umsebenzi wenkathalelo yempilo yengqondo nommi wasekuhlaleni.
e Kusungulwa uvavanyo lweeyure ezingama 72 phambi kokwamkelwa kwisibhedlele sengqondo okunyanzelekileyo. Oku kongezelelwe njengoko abanye bantu bethi baphile ngeli thuba kwaye le nkqubo ingazithintela iingxaki ezininzi incede kulawulo olunxulumene neziqinisekiso. Oku kukwanceda kwisigulane esinyangwayo.
f Ukwenza mfutshane ithuba lokuhlola abagula ngengqondo abanyanzelekileyo kunyango, abancediswayo, izigulana zikaRhulumente namabanjwa.
g Amacandelo amaninzi alo Mthetho usebenzayo ashiyiwe. Umzekelo, icandelo elithintela ukwenza iingxelo ngeemeko zamaziko abagula ngengqondo nendlela yokusebenza nezigulana ezisuka kwamanye amazwe. IiBhodi zeziBhedlele zisusiwe ukuthintela uphindaphindo lwezindululo zomthetho oyilwayo yezeMpilo. Amalungiselelo axa kutshintsha izinto enziwe de lifike elo xesha lokuphunyezwa koMthetho oyilwayo weMpilo omtsha.
Kuya kubakho iindleko ngenxa yokusekwa nokusebenza kweBhodi yokuHlola iMpilo yeNgqondo. Nakuba kunjalo, xa kujongwa uqoqosho mali olunokubakho (kuxhomekeke kuqikelelo lweentsuku zokubasesibhedlele ekufuneka zongiwe ngenxa yokuqaliswa kweBhodi) kubonkala ukuba emva kwethuba kungakho uqoqosho mali olwenzekayo ngenxa yokuqalisa leBhodi.
UMthetho oyilwayo ubonelela ilungelo lokumelwa kwabasebenzisi benkathalelo yempilo yengqondo, kubandakanywa ukufumana ukumelwa ngokwasemthethweni. Izigulana ezihluphekayo kufuneka zincediswe ngokumalunga noMthetho woNcedo loMthetho. Ekuthetheni neBhodi yoNcedo loMthetho ithe ngaphandle kokuba kongezwe izimali ezabelwe le njongo, ayinakho ukunceda. Kunzima kakhulu ukuqikelela iindleko ezinokubakho njengoko kungacacanga ukuba ingaba eli lungelo linokusetyenziswa kanjani na.
ABANTU/IMIBUTHO /AMAQUMRHU EKUTHETHISWANE NAYO
Aba bantu, imibutho namaqumrhu alandelayo kwathethwana nawo-
a AmaSebe kaRhulumnete kubandakanywa iiNkonzo zoLuleko; Ezobulungisa/Iofisi kaMlawuli-mafa/Ulawulo loTshutshiso Loluntu; iNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika; uPhuhliso lweNtlalontle; Inkonzo kaZwelonke noLawulo; EzeMfundo; ezoThutho.
b Onke amaSebe ezeMpilo amaphondo namagunya aliqela afumaneka kwiphondo.
c IOfisi yeMeko yaBantu abaKhubazekileyo.
d IKhomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika.
e IBhodi yoNcedo loMthetho.
f Ikhomishini yoMthetho yoMzantsi Afrika.
g Onke amaSebe ezeMpilo yokuGula kweNgqondo, ukulolongwa kwengqondo nawaBongikazi asebenza nabaGula ngeNgqondo akwiiyunivesithi.
h Uthungelwano lweNkathalelo yeMpilo esisiseko yeSizwe.
i INdibano yooGqirha beziGulo zeNgqondo yoMzantsi Afrika.
j IMbumba yeMpilo yeNgqondo yoMzantsi Afrika.
k IKhomishini yamaLungelo abeMi boMzantsi Afrika.
m Indibano yezeNgqondo yoMzantsi Afrika.
n IiNkonzo eziZodwa zeMpilo zokoKhathalela uBomi.
INdibano yeDemokrasi yaBongikazi boMzantsi Afrika.
p Abantu abahluka-hlukeneyo, kubandakanywa abasebenzisi beenkonzo zesigulo sengqondo.
IINKQUBO ZEPALAMENTE
AbaCebisi boMthetho bakaRhulumente neSebe lezeMpilo bacinga ukuba uMthetho oyilwayo kufuneka usetyenzwe ngokuphathelele kwinkqubo emiselwe kwicandelo 76 loMgaqo-siseko njengoko uMthetho oyilwayo uwela phantsi kwemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4 yoMgaqo-siseko, oko kuthi "iiNkonzo zeMpilo".
